49
ULUNGELELWA NO EBANDLENI ` Bazalwana, sibize le ntlanganiso yahlangana apha ngokuhlwanje ngesizathu sokuze sazi ukuba liqhutywa njani na iBandla likaThixo Ophilileyo, lona, sikholwayo ukuba liyinxalenye yeli Bandla. 2 Ndifuna ukuthi, into yokuqala, ndifuna ukuthi kwiihambo zam zokujikeleza ihlabathi, ngokokwazi kwam, le yenye yezona ndawo zizezomoya apho uwuva khona uMoya kaThixo kunayo nayiphi na enye indawo endiyaziyo. Ndazi iindawo ezimbini engqondweni yam ezazikade zinjalo, kodwa ukuza kuthi ga ngoku a_akubonakali ngathi sazibona ezoo ndawo; enye yazo yaya kungena embuthweni, yaze enye ya_yaba sekuweni noko. 3 Ngoko benditsalelwe umnxeba izolo nda_ndaxelelwa ukuba bafuna inkonzo bonke yokuze bandibuze le mibuzo ngokubhekiselele kwimisebenzi yenu kweli bandla, kwaye ndi^Nantso into endizele yona ngokuhlwanje, kukuthi^noku_nokubeka ibandla endaweni, kungenjalo ukuninika izinto endicinga ukuba zi_zikoko kuyimfuneko ekwakheni kwenziwe ibandla eli liqhubele phambili. 4 Bazalwana, ndiqinisekile ukuba niyayiqonda eyokuba, njengoko ndiye ndaphawula malunga neli ukuba yindawo eyeyomoya. Asiyeyona ndawo inkulu ehlabathini, yaye asiyeyona ndawo sinowona mculo mkhulu, okona kukhala kukhulu, nokona kukhwaza kukhulu, okanye okona kuninzi ukuthetha ngeelwimi, nezinto ezinjalo, asiyiloo nto, koko lixabiso loMoya osebenza apha kulo mnquba. Kwaye, ukuza kuthi ga ngoku, ndifuna ukumncoma ndimbulele uMzalwana Neville, kunye_kunye nani bazalwana balapha, abasayineli zimali, namadikoni, nomphathi oyintloko wesikolo seCawe, nabo bonke, ngoko_ngoko nikwenzele e_ekuncediseni ukuligcina lilolu hlobo. Ibingumthandazo wam wethuba elide lowo, nomnqweno wam ndiseyinkwenkwe, ukuba ndibone ibandla libekwe kulungelelwano lagcinwa likulungelelwano. 5 Ngoku, xa sasiyinikezela ngokuyisikelela inkonzo, ndanixelela, “Emva kwethutyana ndiya kuba nento endiyakuthetha nani malunga nayo,” indlela yokubeka lento ngolungelelwano, indlela emaliqhutywe ngayo. Niye naqalisa ke^emva kokumnka apha, besinabalungiseleli nokunjalo. Kodwa ngoku, uMzalwana Neville esengolula nje phakathi kwethu, uye wangena phakathi kwethu, ndacinga ukuba kuyakuba ngcono kuMzalwana Neville ukuba amiliseleke ngokungcono eluKholweni phambi kokuba ndizise izinto ezinjengokuba ndizakwenza ngoku. Kodwa ngoku, emva

XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

  • Upload
    others

  • View
    1

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Page 1: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 1

ULUNGELELWANO EBANDLENI

` Bazalwana, sibize le ntlanganiso yahlangana aphangokuhlwanje ngesizathu sokuze sazi ukuba liqhutywa

njani na iBandla likaThixo Ophilileyo, lona, sikholwayo ukubaliyinxalenye yeli Bandla.2 Ndifuna ukuthi, into yokuqala, ndifuna ukuthi kwiihambozam zokujikeleza ihlabathi, ngokokwazi kwam, le yenyeyezona ndawo zizezomoya apho uwuva khona uMoya kaThixokunayo nayiphi na enye indawo endiyaziyo. Ndazi iindawoezimbini engqondweni yam ezazikade zinjalo, kodwa ukuzakuthi ga ngoku a_akubonakali ngathi sazibona ezoo ndawo;enye yazo yaya kungena embuthweni, yaze enye ya_yabasekuweni noko.3 Ngoko benditsalelwe umnxeba izolo nda_ndaxelelwaukuba bafuna inkonzo bonke yokuze bandibuze le mibuzongokubhekiselele kwimisebenzi yenu kweli bandla, kwayendi^Nantso into endizele yona ngokuhlwanje,kukuthi^noku_nokubeka ibandla endaweni, kungenjaloukuninika izinto endicinga ukuba zi_zikoko kuyimfunekoekwakheni kwenziwe ibandla eli liqhubele phambili.4 Bazalwana, ndiqinisekile ukuba niyayiqonda eyokuba,njengoko ndiye ndaphawula malunga neli ukuba yindawoeyeyomoya. Asiyeyona ndawo inkulu ehlabathini, yayeasiyeyona ndawo sinowona mculo mkhulu, okona kukhalakukhulu, nokona kukhwaza kukhulu, okanye okona kuninziukuthetha ngeelwimi, nezinto ezinjalo, asiyiloo nto, kokolixabiso loMoya osebenza apha kulo mnquba. Kwaye, ukuzakuthi ga ngoku, ndifuna ukumncoma ndimbulele uMzalwanaNeville, kunye_kunye nani bazalwana balapha, abasayinelizimali, namadikoni, nomphathi oyintloko wesikolo seCawe,nabo bonke, ngoko_ngoko nikwenzele e_ekuncediseniukuligcina lilolu hlobo. Ibingumthandazo wam wethuba elidelowo, nomnqweno wam ndiseyinkwenkwe, ukuba ndiboneibandla libekwe kulungelelwano lagcinwa likulungelelwano.5 Ngoku, xa sasiyinikezela ngokuyisikelela inkonzo,ndanixelela, “Emva kwethutyana ndiya kuba nentoendiyakuthetha nani malunga nayo,” indlela yokubeka lentongolungelelwano, indlela emaliqhutywe ngayo. Niye naqalisake^emva kokumnka apha, besinabalungiseleli nokunjalo.Kodwa ngoku, uMzalwana Neville esengolula nje phakathikwethu, uye wangena phakathi kwethu, ndacinga ukubakuyakuba ngcono kuMzalwana Neville ukuba amiliselekengokungcono eluKholweni phambi kokuba ndizise izintoezinjengokuba ndizakwenza ngoku. Kodwa ngoku, emva

Page 2: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kokuba ndifumanise ukuba uya ezinza ngokungconoeluKholweni eyiqonda nento eyiyo iMfundiso, wabe edlaleinxaxheba yengqina elithembekileyo kuKristu ebambelelekoko sikholwa ukuba kuyiNyaniso, ndicinga ukuba lilixa kengoku, ingalithuba elilungileyo, lokusondela kuyekwi^naphakathi kwenu madoda amakhulu nezinto aphazebandla, ukuze nithathe olu lungelelwano nilukhumbule,kokona kungcono kolwazi lwam phambi koThixo. Yaye kendikhangele kuni ukuba niziqhube ezi zinto ngendlelaendizithetha ngayo, ngokuba kumelwe kubekho umntuoyintloko apha kule ndawo. Nimelwe kukuba nibe ne^6 Ngoku, andizami kugunyazisa nto okanye into elolo hlobo,kodwa, uyabona, umntu okanye nantoni na enentlokoezimbini, a_ayazi ukuba mayihambe njani. UThixo akazangeabe neentloko ezimbini eBandleni laKhe, akazange enze njalo,yintloko enye. Wahlala esebenza kwisizukulwana ngasinyenjengoko sifundisisileyo eZibhalweni, kuhlala kukho umntuomnye Asebenza ngaye. Ngokuba ukuba ube nabantu ababini,kuyanyanzeleka ukuba ube nembono ezimbini. Kumelwekukuba kufikwe kuqobo lokugqibelela olunye, yaye olwamuqobo liLizwi, iBhayibhile. Nanjengomlungiseleli webandlaeli, esam isiqiniseko liLizwi, kwaye ndifuna^Ndiyazi ukubaningaBazalwana, nikhangele kum njengokungathindisisiqiniseko senu njengokungathi ndisisiqiniseko senusento^okoko nje ndilandela uThixo njengokuba uPawuloswatshoyo eSibhalweni, “Xelisani mna, njengokuba namndixelisa uKristu.”7 Ngoko ke ndingalindela nina bazalwana, ukuba naxeshanini na nindibona ndimnka kwesi Sibhalo, ukuba nize kumbucala nindixelele ukuba ndiphosise phi na. Kungenamsebenzinokuba ungomnye wabasayinela izimali na okanye i^okanyeungumgcini wesakhiwo, nokuba ungubani na, unoxanduvakum, njengoMzalwana kuKristu, ukuba undixelele xa ndisenzaokungalunganga ngokwasezibhalweni. Yaye ukuba kukhoumbuzo, masihlale phantsi siwusombulule, kunye.8 Yaye naso isizathu sokuba nize, ndiyaqonda,ngokuhlwanje, nindizise apha, kungokuba kukho imibuzoapha ekhangeleka ibuzwa nini engqondweni yenu kwizintoendi_endinazo apha. Ngoku khumbulani, bazalwana,andazi^akukho magama abhaliweyo kuwo wonke lamatikiti, kodwa^abhaliwe, yaye andikwazi^andazi ukubangubani na owabhalileyo, kodwa ayimibuzo asengqondweniyenu, yaye ndilapha ukuze ndiyiphendule ngokona kungconokokwazi kwam.9 Yaye nikhumbule, uThixo ukhangele kum ukubona ukubandiyahlala eLizwini. Kwaye mna ndikhangele kuni ukuzendibone ukuba niliqhubela phambili iLizwi, yabona, yabonakweli bandla. Kwaye niligcine lilelomoya, ukhumbule, yonke

Page 3: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 3

imikhosi yo_yobukumkani bobumnyama bukaSathanaiyakuvukelana nawe nje ukuba uqale ukukhula eNkosini. Yayenimelwe kukuba nibe ngamajoni, hayi nje asandula kungenaemkhosini. Ningamajoni akhulileyo ngoku, naqeqeshelweukulwa. Kwaye uSathana uyakuza phakathi kwenu abangeimpixwano omnye nomnye ukuba anganako. Mlahleleningaphandle ngokukhawuleza okungako; ningabazalwana; yayeyena ulutshaba. Kwaye silapha ukuza kugcina umgangathowoku Khanya kwexa langokuhlwa, oko, kwaxa ihlabathilenziwe mnyama nobukumkani benkonzo buphela busiyakungena kwiBhunga leeNkonzo. Yaye ngokukhawulezaokukhulu bayakuzama ukuncamathisela umbhalo apha kolucango, “Ivaliwe!” Yaye ke kuyakunyanzeleka ukubasihlangane kwezinye iindawo, kuba ngokuqinisekileyo bazakuzivala ezi nkonzo ngolunye lwezi ntsuku ukubaasiluthabathi uphawu lwerhamncwa. Yaye sixhomekekeekuhlaleni sinyanisekile kuThixo side sikhululwe kukufa,nantso ke into esizimisele kuyo.10 Ngoku sizakuya ngqo kwi^Yaye ndingacela, ukubakungakho ixesha lokuba nayiphi na kwezi zinto ibeyebuzwayo, ukuba eli khasethi limelwe kukudlalwa phambikwamalungu eli bandla, yabona, kwiindawo enihlangana kuzo,okanye ngaphambi kwenkonzo, kanye phambi kokuba inkonzoiqale. Nivulele eli khasethi nilidlale! Yaye langa ibandlaelilapha lingaqonda ukuba la madoda anoxanduva kuThixo,njengesifungo sawo kweli bandla, ukunceda abambe lemithetho ilawulayo. Usenokungavumelani nawo; yaye ukubandithe yiqhube, ngoko andisayi kuvumelana nawe nam.Kumelwe kukuba sibe nendawo engumthombo kwindawoethile apho kumelwe kubekho isigqibo khona. Yaye eyonaingcono ndiyaziyo, ndinikezela ngayo phantsi koMoyaoyiNgcwele, ndivumela Yena ukuba abe luQobo lwesikhokelokum. Ukuze ke eli khasethi libe luQobo lwenu kule mibuzo.

Ngoku, lo ngowokuqala:Liyakuqhuba njani ibandla malunga nokubiza uncedolwezimali lwe^lokutya neempahla? Yintoni_yintoniisenzo, li_limelwe kukwenza ntoni ibandla?

11 Ngoku siyaqaphela ukuba ibandla linoxanduva ngabantubalo, ngamalungu ethu alapha enkonzweni, sinoxanduvangokupheleleyo ngokubhekiselele kwiintswelo nokosinokubabonelela ngako. Sinoxanduva ngabantu bethu, abo,ngokuthe chu, bengamalungu athe rhoqo walo mnquba athieze apha ukuza kukhonza nathi. Sinyanzelekile ngoxanduvangabo, njengaBazalwana nooDade bethu abayebaqondakalalisa ukuba bangamalungu ethu alo mhlangano.12 Ngoku, siyaqonda ukuba zikho izigidi ngokuhlwanjeezingenakudla, ezingenampahla, yaye singathanda ukuba sibe

Page 4: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

nokunceda lonke elo qela lazo, senze konke esinokubanokukwenza; kodwa ngokwasezimalini asinako ukukwaziukuyenza loo nto, asinako ukuxhasa lonke ihlabathi. Kodwasinyanzelekile kwabangabethu. Kwaye ndiyacinga, ngaloo nto,ukuze ukuba ninayo nantoni na eshiyekileyo enifunaukunikela ngayo ebantwini abangengomalungu aphaenkonzweni, into ethile eniyakuthanda ukubapha yona, imelwekukuba phakathi kwebhodi yamadikoni loo nto.

13 Amadikoni ngawo a_amelwe kukuhlangabezananochasayo, kungenjalo nengxaki, gxebe; ngokuba yiloo ntoeBhayibhileni eyavelayo xa kwabakho ingxaki evelayomalunga nokudla nempahla, nezinto ezinjalo, kwiNcwadiyeZenzo, babiza abapostile malunga naloo nto, baze bathi,“Hambani nizikhangelele amadoda asixhenxe aziwangokunyaniseka nazaliswe nguMoya oyiNgcwele ukuze ahoyeezi zinto, ngokuba sizakunizinikela ngokuthe rhoqo thinakwiLizwi likaThixo nasemthandazweni.”

14 Yaye asingomsebenzi womlungiseleli ukukhangelai^ukudla nezinto ezinjalo. Imelwe kukuba ngamadikoni.Asingabasayinela izimali, ngumsebenzi wamadikoni ukwenzalento. Kwaye ngoko oku kumelwe kuku^KhumbulanieBhayibhileni, babenikela kwabangababo, amaGrike e_kunyenamaJuda, apho kwavela khona iingxoxo, apho kwavela khonaingxoxo yokuba omnye wayefumana ngokungcono kunomnye,kodwa yayingabantu ababethengise ngempahla yabo bazebanikela ngayo ebandleni ukulixhasa, baze ke ba_bazahlulephakathi kwabo ngokulinganayo. Kwaze kwakho keukungavisisani okuncinane okwabakhoyo, nako ke aphosifumana khona amadikoni wethu okuqala. Ngomnyewemisebenzi yawo ke lowo, ukwenza loo nto.

15 Ndiyacinga ukuba, njengabethu, abantu abangabethu,simelwe kukubakhathalela. Yaye loo nto ifanelwekukungeniswa, nasiphi na isikhalazo, kusihlalo webhodiyamadikoni, ukuze ke ihlangatyezwe yibhodi yamadikoniabone ukuba anganako na ukwenza into malunga naloo nto.Zonke ke ezoo zinto zizimpahla, nokudla, noncedo lwezimali,okanye nokuba ziyintoni na, zimelwe kukuza ngamadikoni.Amadikoni, akuba enze isigqibo wona a_wonaa^siyakwenza ntoni na ngaloo nto, ngoko imelwe kukusiwaku_kunondyebo, ukuze kubonwe ukuba unondyebo unako nangeli xesha ukuhlawula eli nani lithile lemali,kungenjalo_kungenjalo ukuthengwa kwezi mpahla, okanyenokuba yintoni na ekubhekiselelwa kuyo. Kodwa i_ibhungalamadikoni limelwe kukuhlangana ngalooo nto, ukuze ingayikwabasayinela izimali kunye nomlungiseleli. Yintoyamadikoni, ngokupheleleyo.

Ngoku, umbuzo wesibini.

Page 5: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 5

Ingaba kwanele ukuthetha esidlangalaleni epulpitiniukuba iilwimi nokucaciswa kweelwimi zimelwekukwenziwa enkonzweni phambi kokuba iqale inkonzo?

Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinaloapha, elilikhadana.16 Ngoku, le inokuba isingisele kumlungiseleli apha, yabona.Ngokuba yena_yena, ngaphaya koko, ikweli cala lomoya,nguye intloko yeloo cala. Amadikoni angamapolisa ebandleni,ukuze agcine ucwangco nokuhoya ezinye ezi izinto, ukondliwakwamahlwempu, nezinto ezinjalo. Abasayinela izimalibangaphaya ezimalini nasesakhiweni, yaye yiloo nto abamelwekukujongana nayo. Kodwa umlungiseleli ungaphae_ekongameleni icala lokomoya, le ke imelwe kukuza kuwe,Mzalwana Neville.17 Ngoku, kukho^kwixesha elithile eladlulayo xa kwathikwamiselwa ulungelelwano ebandleni. Ndiyakholwaekuthetheni ngeelwimi, nasekutolikweni, zonke iziphoezilungileyo ezamiselwa nguThixo ukuba zibekho ebandleni.Kodwa siphila kumhla nje onjengokuba kwakunjalo ngexeshaleBhayibhile, apho amabandla^Ngoku, uyakuqaphela ukubauPawulos waseka ibandla elise-Efese, ibandla lase-Efese,elalilibandla elisekeke kakuhle. Uyayiqaphela loo nto?Siyakholwa ukuba uPawulos, yaye watsho ngokwakhe, ukubawayethetha ngeelwimi ezininzi, yaye siyazi ukuba wayenazoizipho zeelwimi. Hayi ezo wayezifundile, kodwa ezowayeziphiwe ngokomoya, ngenxa yendlela athetha ngayophaya kumaKorinte. Yaye ukonga ixesha, mna, hayinje^ndityhile eBhayibhileni ndikufundele, ngokuba loo ntoingenza ukuba si_sihlale ithuba elide kakhulu ngokuhlwanje,ndibe ke ndingenaxesha lide ngokwaneleyo. Kwayengoku^kodwa ukuze ubone nje ngokucacileyo.

18 Ngoku, uPawulos akazange nangaxesha linye athethekwibandla lase-Efese okanye ibandla laseRoma, okanyenaliphi na kuloo mabandla, malunga nezipho zawo zomoya,indlela emazibekwe ngayo kulungelelwano. Kodwa wathethakumaKorinte ngokuthe rhoqo malunga naloo nto, ngokubababehleli beyiphethe njengomba lonke ixesha. Yaye uPawuloswathi, akufika phakathi kwabo, ukuba babethi bafumaniseukuba omnye uneelwimi aze omnye abe nendumiso, wazewabulela iNkosi ngazo zonke izipho zabo ezilungileyo nezintoezinjalo. Yaye ukuba uyaqaphela kwisahluko sokuqala okanyeesesibini samaKorinte, uPawulos wayebaxelela,ngokweendawo zabo, into ababeyiyo kuKristu, indlelaawayeyakuthi^ babebekwe ngokweendawo zabo kuKristu.19 Waze emva kokuba wabaxelelayo, waphinda njengokubauyise eqala ukubafaka isabhokhwe, wathi, “Ndiyeva ukubakukho iimbambanwo phakathi kwenu, yaye ndiyeva ukuba

Page 6: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

niyanxila esithebeni seNkosi.” Wayengabenzi bangabingoMakristu; yaye ningaze niyenze loo nto bazalwana,ukubenza bangabi ngoMakristu, kodwa yindlela abaziphethengayo endlwini kaThixo. Nantso ke eyona nto.20 Ngoku, ndingathetha oku, ukuba uPawulos wakudalawatsho, ukuthi, “Xa nithe nahlangana, ukuba omnyeuyathetha, makachaze intetho omnye. Ukuba ke akukho toliki,ngoko thulani. Kodwa ukuba ikho itoliki^”21 Ngoku, ndikhe ndalikhangela eli bandla, ndaze ndalibonalikhula, ndaze ndabona izipho ezininzi zokomoya zisebenzaphakathi kwenu. Ngeliphandle, enye into ekwanyanzelekandize malunga nayo kuMzalwana Neville yayiliLizwi elivelaeNkosini, ukuba ndimlungise kwinto ethile awayeyenza.22 Yaye ukuba ndi^ukuba iNkosi ithe^UMoyaoyiNgcwele undenze umveleli woMhlambi, ngoko luxanduvalwam ukuba ndinixelele iNyaniso. Kwaye ndinombulelokakhulu kuMzalwana Neville, uyimamele iNyaniso.NdiYithetha nje njengoko Endixelela.23 Ngoku, malunga nalento, njengoko ndiliqapheleyo ibandlalenu likhula, ndaze ndayiqaphela. Yaye ebandleni, nantsiindlela ebesikade siqhuba ngayo kuqala, yaye le yindlelaesi_esifuna ukuba kube yiyo kwakhona.24 Ngoku, ukuba awunakukhangela, xa iintsana^Intoyokuqala eyenziwa lusana xa luzama ukuthetha xa lungakwaziukuthetha. Yabona? Lwenza ingxolo eninzi yokuvuthela,nengxolo, ne_nezinto ezinjalo, kodwa lona lucinga ukubanje^lunako ukuthetha ngaphezu komshumayeli lonkeixesha. Kuba, sifumanisa ukuba loo nto ayikho kubomibokwenyama kuphela, kodwa sifumanisa ukuba loo nto ikhonakubomi bokomoya. Ngomncinane lowo. Ukuba uzamaukululungisa usana uluchwakraze kancinane ngenxa yokubalu “khala” luzama ukuthetha, uyakumonakalisa umntwana.Yabona, yaye uyakumenzakalisa. Kungcono uluyeke usanalukhule kancinane lude ngenene lukwazi ukuwathethaamagama alo ngokukuko, uze ke ulixelele ukuba kunini na.“Hayi ngeli thuba utata athethayo okanye xa umama ethetha.”Koko xa ilixesha elililo, luvumele lufumane eyalo indawoyokuthetha. Niyandifumana? Ngoku, luvumele luthethelakufika ixesha lalo lokuba luthethe.25 Ngoku, ukuba bendikhe ndanayo nantoni na ebeluvikoenyameni yam, phaya ngaphandle enkonzweni, kukuthi umntuothile aphakame xa ndithetha aze yena akhuphe umyalezongeelwimi awaphule uMoya. Ndisandula ukuphumaenkonzweni eNew York nakwiindawo ezahlukeneyo aphoabefundisi bebeye bayiyeke iqhubeke khona loo nto, ixeshaemva kwelinye, yaye loo nto akukho nto iyiyo yi_yindidekonje. Yabona, xa uThixo esebenza ngomgca ongomnye

Page 7: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 7

wengcinga, Yena^akunakuba_akunakuba^AngabauyaZiphikisa ngokwaKhe, ukuba Uyakuzama ukuzisa ingcingaethile kuwe, ebandleni, ukubizela ngaphambili abazinikayoukuze kugxuphuleke into ethile eyenye.26 Ngokomzekelo, njengale nto. Sihleli etafileni, siyancokola,kwaye sithetha ngeNkosi. Aze omncinane angene ebaleka ezeetafileni, ngokukhawuleza okukhulu, asuse konke oko kuhoyainto esiyenzayo, ze akhwaze, akhale, “Tata! Mama! Bethu!Bethu! Ndisandula ukufumana inqaku kwelaa qela! Yayesenze konke oku, okuya, kunye nokunye!” Ngeli thubabesiphakathi kanye kwenzulu ingongoma engcwele. Ngoku,ukufumana kwakhe inqaku, yinto elungileyo leyo kwibholayomnyazi, yinto elungileyo leyo. Kodwa uphumekulungelelwano akungenelela phakathi kumyalezo ebesithethangawo. Makalinde kude kufike ixesha lakhe aze asixelelengaloo nto ayenze kumdlalo webhola yomnyazi.27 Ngoku, yinto enye leyo nale nto siyifumana malunganezipho namhlanje. Naso isizathu sokuba uThixo anganikezelingezipho ezininzi zomoya ebantwini, abazi ukubamabazilawule kanjani na. Nantso ingxaki namhlanje, isizathusokuba singabi saba nazo kunoko sikwenzayo.

28 Yaye ke sifumana ukulinganiswa okuninzi kweziphozomoya. Kodwa andikholwa ukuba kunjalo apha kwibandlalethu. Ndiyabulela ngaloo nto. Andikholelwa ukuba kukhoukulinganiswa konke konke. Ndikholwa ekubeni sineziphoezizizo, kodwa simelwe kukwazi ukuba singazilawula njani naezo zipho.29 Yaye xa uzakuqalisa ukwenza into elungileyo^Kanyenjengokuba usebenzela umphathi okanye uqala emsebenziniokokuqala ulungele ukuthabatha imiyalelo ke, ngokoumphathi uyakuthemba yaye uyakuhlala ekunyuselakwisikhundla esingentlana lonke ixesha.30 Ngoku, ndiyakholwa ukuba kufike ixesha kuMnqubakaBranham, lokwazi ukuba^ukuthabatha izipho atheuThixo wasipha zona, ukuze uThixo abe nokunikela kuthi intoenkulwana kunaleyo sinayo. Kodwa asinakuqhubelaphambili^ungambona ke umntu omelwe kukumxelela lonkeixesha. Yaye ukhumbule, “Umoya wabaprofeti uyabalulamelaabaprofeti,” sitsho iSibhalo. Xa ubona umntu obumlungisile,okanye umfazi, aze loo mntu aphume ecaleni, uze umxeleleiNyaniso yokweSibhalo, loo nto ibonisa ukuba umoya okuyeawungokaThixo. Ngokuba iBhayibhile ithe, “Umoyawabaprofeti,” okanye, “wokuprofeta,” oko, kukungqina,ukushumayela, ukuthetha ngeelwimi, okanye nokuba yintonina, kuba iilwimi xa zitolikiwe sisiprofeto eso. Ngokouyamthobela umprofeti, yaye iLizwi ngumprofeti. Yayesi_sifumanisa ukuba kuphume emgceni ukuba indoda okanye

Page 8: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

umfazi ixhume yenze umyalezo, akunamsebenzi nokuba ifunaukuyenza kangakanani na loo nto, ngeli thuba umshumayeliasepulpitini.31 Ngoko ndiyacebisa kuMnquba kaBranham, ukubanjengoko izezethu_izezethu izipho ezifuna^Yaye sinabantuabanezipho abalunge ngenene. Ngoku, ngasinye kwezo ziphozilulungiselelo olulolwabo. Zezi zipho, kanyenjengokushumayela kusisipho, njengokuba ukuphilisa isisipho,njengokuba nezinye izizipho, ezi zizipho, zilulungiselelozizodwa. Yaye mntu ngamnye uyalelwa ekubeni alindeleulungiselelo olulolwakhe.32 Ngoko ke mawuthi uMnquba kaBranham usebenze oku,yaye ngaloo mini, ingakumbi ngalo mhla xa sithe sanentoeninzi (andifuni kukuthetha oku, kodwa) okuninzi kokuzenzaamakholwa. Asifuni kuzenzisa malunga nokukholwa. Akukhomntu, umntu onyanisekileyo ofuna ukuba nokholo lokuzenzisa.Thina^Ukuba asikwazi ukuba ngabenene, masingabi nalongokupheleleyo, masilinde side sifumane olwenene. Ngoku,ndiyakholwa ukuba nina_nina madoda niyakuvumelana naloonto. Asifuni kwanto yokholo lokuzenzisa. Bazalwana,asinakuqalisa into ethile yokholo lokuzenzisa sibe silishiyaihlabathi. Simelwe kukufumana into eyinene, nentoeyesulungekileyo. Ukuba asinayo, masilinde side siyifumaneke, size ke sibe nento yokuthetha ngaloo nto. Yabona?33 Ngoku, ndingatsho, ukuthi wonke la madoda nabafaziathetha ngeelwimi, aprofete, akhuphe imiyalezo^Kwayemna_ndiyakholwa kunye nani madoda ukuba zezenene. Ngoku,iBhayibhile ithe, “Zicikideni zonke izinto, nibambelele kwezozilungileyo.” “Kuba ndiyakuthetha ngemilebe ethintithayonangalwimi zimbi kwaba bantu, nantsi indawo yokuphumlaeNdathi bayakungena,” ngaphaya kwiNcwadi ka-Isaya.

34 Ngoku, ndingacebisa oku ukuze indawo engcweleilungiselelwe sisipho sibe sinye ngexesha, ukuze isibuyiselengokuthe ngqo kulungelelwano kwakhona lwaloo nto ndizamaukuyithetha: ukuba omnye uyathetha, umoya wabaprofetimawumlulamele umprofeti. Niyaqonda? Ngoku, mabathi abobanolungiselelo kuMzimba kaKristu^Yaye ngoku Ithethiweloo nto, ngoku mayenziwe. Mabathi abo banolungiselelokuMzimba kaKristu balindele ulungiselelo lwabo, ngokubalulungiselelo oluvela kuKristu lusiya ebandleni. Kodwaaninakulungiselela nonke ngexesha elinye, nimelwe kukubaabemnye ngexesha.35 Umnquba kaBranham uyakuba lolu hlobo. Mabathi abobathetha ngeelwimi, nabo batolika iilwimi, nabo banesiprofetoesiza kunikwa ibandla, mabahlangane phakathi kwabokwangethuba e^phambi kokuba iqale inkonzo, mabahlanganekwigumbi ekubekelwene ngalo, balindele ulungiselelo lweNkosi.

Page 9: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 9

36 Njengomlungiseleli ukuba emelwe kukwenza okwakhengaphambi kokuba eze kubaphulaphuli; umelwe kukuthathaiBhayibhile yakhe, afunde ngokuzolileyo egumbini lakhe,ekuMoya, aze ke athanjiselwe ukuphuma eme phambikwabaphulaphuli athethe. Ukuba akayenzi loo nto,uzakudideka akufika phaya phandle. (Ndoda nganye kenomfazi ngamnye, onesipho somoya, uza phambi kweNkosi.)Nanjengokuba ke umlungiseleli enolungiselelo olunye,ungumprofeti; igama lesiNgesi, umshumayeli, lithetha“umprofeti,” lowo ngumntu oxela kwangaphambili iLizwi.37 Mabathi abo banolungiselelo oluyakuba yinxenyekolomnye umntu, njengalowo uthetha ngeelwimi aze omnyeatolike, balinda kunye belindele ulungiselelo lwabo. Abanakoukuhlala kwigumbi labucala lokufundela bathethe ngeelwimibaze ke bazokuxelela omnye ukuba ebesithini na, ngokubaangaba unako kokubini iilwimi nokutolikwa kwazo. Yabona?Ngoku, ukuba unayo loo nto, kulugile, sifuna ukuyamnkelailolo hlobo. Yaye sifuna ukuba ibandla lizuze ngezi ziphozisebandleni lethu. NguThixo ozithumele kuthi, yayezezo^sifuna ukuba ibandla lethu lizuze ngezi zipho. Ngokomakathi umntu othetha ngeelwimi, nalowo utolikayo, nalowouprofetayo, mabahlangane phambi kokuba i_inkonzo ibeihlangene. Mabahlangane egumbini bebodwa, belindeleulungiselelo lweNkosi kwibandla. Iyaqondakala?38 Kuze ngoko, ngolu hlobo, ukuba uMzalwana Nevilleuthi^Kulungile, ngoku mna mandi^Uxolo, mandithetheoku. Ukuba uMzalwana Collins uthetha ngeelwimi azeuMzalwana Hickerson atolike, ngoko banolungiselelooluhlangeneyo kwibandla. Ngoku, olo ayilolungiselelolukaMzalwana Neville; lulungiselelo lwenu kwibandla.Ndiyikhupha njengomzekelo lento. Ngoko nina bazalwananimelwe kukuba nomdla ekubeni ulungiselelo lwenu lubekwindawo eyiyo endlwini kaThixo njengoko umlungiselelienomdla ekulufakeni nolwakhe, ngokuba kuyimfuneko ngeneneukuba niyenze loo nto. Kodwa aninakuyenza kwigumbi labucalaninodwa, ukuba wena uyathetha uze wena utolike, nimelwekukuba nihlangane. Ngoku, hlanganani ebandleni, ecaleniegumbini ninodwa, ngokuba ninolungiselelo lwabucala.Ayilolungiselelo lwasesidlangalaleni, lolo luzakunceda ibandla.Yabona? Yinto ethile yokunceda ibandla, kodwa ayimelwangakukwenziwa phakathi ebandleni, ingaloo ndlela kuphelandizakunixelela ukuba imelwe kukwenziwa ngayo. Yabona?Ngoko, nantoni na ethethwa nguMzalwana Collins, uMzalwanaHickerson ukhupha ingcaciso, ngokomzekelo, ngoko makathiuMzalwana othile kumntu othile abhale oku phantsi, nokoikuthethayo. Ukuze ngoko ukuba kuza^39 Ngoku, siyazi sonke ukuba iNkosi iyeza, siyayazi loo nto.Yaye ukuba uMzalwana Neville uphakamile ubusuku

Page 10: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngabunye athi, “Yabonani, iNkosi iyeza! Yabonani iNkosiiyeza!” ingayinto elungileyo leyo, yabona. Kodwa uthetha into(umlungiseleli) eqongeni, kuba nguye oneLizwi ngaloo nto.Kuba ungumlungiseleli, umprofeti ebandleni^okanyeumlungiseleli, gxebe, umelwe kukufunda iLizwi leNkosianixelele oko kubhalwe eLizwini leNkosi malunga nokuzakweNkosi, nize nibe ngabayaliweyo ngaLo. Ulungiseleloolulolunye (kwibandla) anganxibelelananga nokunxibelelananalo, ziilwimi, ukutolikwa kweelwimi (ntoleyo isisiprofeto),okanye umprofeti ethetha, yinto leyo engabhalwanga eLizwini.Okubhalwe eLizwini, kokwakhe ukukuzisa; kodwaokungabhalwanga eLizwini, koko nimelwe kukumxelela.Njengokuthi, kuba ngokomzekelo, “Xelela uMzalwanaWheeler, ITSHO INKOSI, ‘Ngomso kwiqula lakhe lesantimakangayi, ngokuba kuzakubhukuqa inqwelo,’” okanye yintoelolo hlobo, yaye ke inyanzelekile ukuba yenzeke. Yaye seleuyithethile waze wayitolika yena, uze uyibeke eqongeni emvakokuba lugqityiwe ulungiselelo lwakho. I^?^ngobusuku,emva kwenkonzo^iculo, uqalise ukucula njalo njalo; ukubaulungiselelo lwakho lugqityiwe ngoko, mabeze ke nesosiprofeto siye sakhutshwa.40 Yaye andicingi ukuba simelwe kukuba^Okanye ukubawenze njalo, kubeke oku phaya ngaphakathi. Xa aba bantubehlangene, makungene abo banobulumko kuqala. Ngokuba,uyabona, ukuba omnye uthetha ngeelwimi aze omnye anikeingcaciso ngokweSibhalo, loo nto ayinakwamnkelwangaphandle kokuba ingqinwe ngabantu ababini okanyeabathathu, amabini okanye amathathu namangqinaangaphezulu, yabona, amelwe kukungqina loo nto, ukubaayakholwa ukuba iliLizwi leNkosi. Ngokuba^Yayengamanye amaxesha kolu lungiselelo lulolona luncinci,njengokuba kunjalo nakolunye ulungiselelo, kubakho imimoyaengalunganga; yabona, iyakubhabha ingene apho. Yayeasiyifuni loo nto. Hayi. Sifuna ukuba olu lungiselelo lulungeleukutyhilwa ukuba lumelwe kukutyhilwa, ngokuba nantoni naeyekaThixo inako^awubi nangxaki malunga nokuyityhila,i_iyakumelana nokuvavanywa ukuba yekaThixo.41 Kanye njengomlungiseleli, ukuba kukho umntu ocelaundikho kuye ngeLizwi, akamelwanga kukubuya umvamalunga nalo, uyazi ngokuchanekileyo ukuba uthetha nabanina, “Nyukela apha.” Yabona? Kuyinto enye nangolunye oluulungiselelo, lumelwe kukuba kwayiloo ndlela.42 Ngoku, ukuba_ukuba kukho othetha ngeelwimi akhupheumyalezo^Ngoku, abanye abantu bathetha ngeelwimi xa nje“bezakha,” iBhayibhile itsho, bazonwabele nje. Bayakuthethangeelwimi, bavakalelwe. Yaye bayathetha ngeelwimi, enenenibathetha ngeelwimi, yaye nguMoya lowo wenza loo nto.Kodwa ukuba kuhleliwe phaya ngaphandle phakathi

Page 11: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 11

kwabantu, ukuthetha ngeelwimi, ukwenzela nje ukuzakha,ngoko ayiluncedi nganto ibandla loo nto; loo ndoda iyazakhanje, okanye loo mfazi, okanye nokuba ngubani na owenza loonto. Yabona?43 Ukuthetha ngeelwimi kusisipho sikaThixo sokwakha,njengoko uPawulos watshoyo eSibhalweni, kuba sesokwakhaibandla. Ngoko kumele ukuba ibe ngumyalezo othe ngqoophuma kuThixo usiya ebandleni, ngaphandle kokokubhaliweyo apha eBhayibhileni. Yabona? Yinto ethile ethe^44 Ukuba ungandibuza, “Mzalwana Branham, ndimelwekukubhaptizwa njani?” Ndingakuxelela ngokukhawulezaokukhulu. Awumelwanga kukuba uthethe ngeelwimi uzeundixelele, ibhalwe kanye apho eBhayibhileni into omelwekukuyenza malunga naloo nto. Yabona? Andimelwangakuku^awumelwanga kukubuza kwambuzo ngaloo nto ukuzeube nomntu othetha ngeelwimi akuxelele. Yabona, seleibhaliwe kakade loo nto.45 Ukuba uthi, “Mzalwana Branham, ndithini, ndinesigqiboapha endimelwe kukusenza phakathi kokuba ndithabathe elibandla na okanye ndiye kwelinye,” okanye into ethile elolohlobo. “Okanye ndenze oku, okuya?” Ngoku, loo nto imelwekukuba yevela kuThixo. Yabona, nguThixo omelwekukusixelela loo nto. Kodwa loo nto imelwe kukuzangolungiselelo olulolunye, kuba iLizwi alithi, “U-OrmanNeville makashiye uMnquba kaBranham aye kuMnqubaweVangeli waseFort Wayne.” Yabona, ayithethi loo nto aphaeLizwini, yabona, ngoko zezaloo nto ke ezi zipho.46 Njengomntu onyukayo eze apha athi, “Uyakholwakwimpiliso eNgcwele?” Siyayishumayela loo nto, siyakholwakuyo, siyakholwa kwintambiso, i-oli.47 Kodwa naku kukho indoda ethi, “Ayikwazi kuphumela,yintoni ingxaki?” Ngoko kuthabatha uThixo, ngeelwimi,ngokutolika, ngesiprofeto, okanye ngohlobo oluthile lokubakuhliwe kubomi baloo ndoda kutsalwe kukhutshwe loo ntoiyenzileyo, ixelelwe ngayo. Lulungiselelo olungelulo olo malusiolo, lolwezi zipho zokulungiselela, kodwa azimelwangakwenziwa phaya phandle phakathi kwabantu. Yabona?48 Ngoku, uPawulos akazange nangaxesha linye abaxeleleabo_abaxelele abo bebandla lase-Efese nantoni na enjengaleyo,babekulungelelwano, ibandla laseRoma, okanye naliphi nakwamanye amabandla; kuphela kukwibandla laseKorinte, yayebona babengakwazi nje ukuzenzela^ Ngoku, uPawuloswayekholelwa ekuthetheni ngeelwimi. Wayenako ukuthethangeelwimi kwibandla lase-Efese, ngendlela efanayo kunokubakwakuthethwa kwibandla laseKorinte, yabona, kodwawayekwazi ukuthetha izinto ezinkulwana kwibandla lase-Efesekunokuba kuthethwe nje ngeelwimi, kutolikwe iilwimi.

Page 12: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

49 Ngoku, ngoko ukuba ubani ubhala umyalezo obukhutshwengeelwimi okanye ukhutshwe ngesiprofeto, awubeke apha phezukweqonga, umelwe kukufundwa ngumlungiseleli phambikokuba iqale inkonzo, oka “ITSHO INKOSI” uvela kwaba bantubawuthethileyo baze bawutolika. Ke ukuba loo nto yenzekilekanye ngendlela ebitolikwe ngayo, siyakuphakamisa izandlazethu sibulele kuThixo ngoMoya waKhe ophakathi kwethu.Ukuba ayenzekanga, ngoko ningakhe nibe sakwenza okokwakhona ude loo moya ungcolileyo uphume kuni. UThixoakaxoki, Uhlala ethetha inyaniso njalo.50 Ngoko, uyabona, nibadala ngokwaneleyo, ukuze nenzengokwabantu abadala, hayi njengabantwana (“gu, gu, gu”),nimelwe kukuba nentsingiselo ethile yento ethile.51 Malithi ibandla ngoku, njengokuba lingena kulungelelwano,lingene kolu lungelelwano. Ukuba omnye uyaprofeta^Ukubakungene othile phakathi kwenu, ongenamfundo, anive nithethangeelwimi, niyakuba ngamaBhari-bhari kuye, akayazi ukubayintoni na le nithetha ngayo. Yabona? Eneneni ke ngalo mhlakuthe kwakho okungaka ukudideka malunga naloo nto, yenzaisikhubekiso. Kodwa omnye makathethe ngeelwimi, aze omnyeayicacise loo nto akhuphe umyalezo, uze ufundwe uphume aphaeqongeni kanye, malunga nento ezakuqhubeka, ize ke yenzeke,nibone ukuba kuyakwenzeka ntoni na. Ubaxelele uthi, “Ngomsongexesha elithile, kungenjalo kwiveki ezayo ngexesha elithile,kuyakubakho into ethile,” ukuze ke athi ongakholwayo ohleliapho aphulaphule loo nto ayibone ixelwe kwangaphambiliphambi kokuba yenzekayo. Ngoko bayakwazi ukuba moya mnina ophakathi kwenu, iyakuba nguMoya kaThixo. Nantso intoeyayithethwa nguPawulos, “Ngoko ukuba othile uyaprofetaatyhile izinto eziyimfihlelo, aliyi kuthi liwe phantsi lonke naibandla, okanye ongakholwayo, athi, ‘UThixo uphakathikwenu’?” Yabona? Ngokuba akunakwenzeka^52 Kodwa ngoku asifuni^”Ngokuya sasingabantwana,”uPawulos watsho, “Ndandisenza ngokomntwana,” waxelelaibandla laseKorinte apho, “Ndandithetha ngokomntwana.”Wayenengqondo yobuntwana. “Kodwa ndakuba mdala,ndazilahla izinto zobuntwana.”53 Ngoku, ndinixelela nonke, yabona. Ngoku, kwiminyakaembalwa eyadlulayo, naningabantwana ninezi zipho, nidlalanisihla ninyuka. Kodwa benisesikolweni ke ngoku, lixeshalokuba nibe ngamadoda, ningasebenzisi ezi zinto ngokudlalanje ngazo. Ezi zipho zingcwele, zizezikaThixo, yaye akudlalwangazo. Masivumele uThixo azisebenzise. Nantso into elumelwekukuba yiyo ulungiselelo lwenu, yaye yiloo ndlelaoyakwenziwa usebenze ngayo uMnquba kaBranham. Ke_Keukuba kuyabuzwa ngale nto, naxesha nini na, eli khasethimalime njengengqina lokuba leyo yindlela emakwenziwengayo kuMnquba kaBranham.

Page 13: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 13

54 Ukuba kukho undwendwe olungenileyo, kuba niba nawolonke ixesha, ngokuba lo ngumnquba kankonzo-zonke, kukhoabantu abangenayo abangafundiswanga kakuhle,abafundiswanga, akukho nto ingcono bayaziyo. Abalungiselelibabo buqu, bayaxhuma nje bawunqumlele umyalezo wabo,bawukrazule nje wonke, bathethe ngeelwimi nayo yonke intoenjengaleyo. Wena uyindoda efundiswe ngokungcono kunoko.Yabona? Ngoko emva kwenkonzo, ukuba uthe akalawuleka,yindawo yedikoni ngoko ukuya kumxelela. Ningayekeliumlungiseleli wenu ibe nguye omelwe kukuyenza loo ntongaphandle kokuba kufikelele kwindawo apho kungekhomadikoni khona apha, kodwa lidikoni elimelwe kukujongananaloo nto. Yabona?55 Ngoku, emva kwenkonzo^Ukuba umntu uyaphakamanje akhuphe umyalezo, ukuba umlungiseleli ufuna ukumaokomzuzwana nje aphinde aqhubeke, kulungile, yabona,ixhomekeke kumlungiseleli loo nto. Kodwa ngokukhawulezaokukhulu mayibe lidikoni, phambi kokuba loo mntu aphumeesakhiweni, amthathe aye naye ecaleni athethe naye malunganaloo nto. Ukuba ke bayayibuza, nibabuyisele kweli khasethinithi, “Sixelelwe loo nto ngubhishophu okanye umveleliwebandla eli^” Ntoleyo ubhishophu, i^nawuphi naumveleli. Yabona, ubizwa ngolo hlobo eBhayibhileni,“ububhishophu,” yabona, loo nto ithetha umveleli jikelelewebandla. Makathi^ “Nalu ulungelelwano nendlela eqhubangayo inkonzo yethu. Ngoku, siyathanda ukuba uze ukhupheumyalezo wakho. Kodwa ukuba unomyalezo ophuma eNkosiniyaye u^mawukhutshwe, nyuka uze apha eqongeni uwubekeaze umlungiseleli wethu awufundele ibandla, umyalezo ozakweli bandla.” Kodwa awumelwanga kukuba ubekukuphinda-phinda iZibhalo nje, nezinto ezilolo hlobo.Umelwe kukuba ube ngumyalezo ongqalileyo oya ebantwini,okanye into ethile eza kwenzeka, kungenjalo into abamelwekukuyenza. Iyaqondakala? Kulungile.

Ngoku, ingaba ikho indlela engcono yokugcina ucwangcoenkonzweni kunokuhlala bekhunjuzwa abantube_bekhunjuzwa ngamadikoni ngokufanelekileyo?

Hayi, leyo, ndisandula ukuyicacisa. Ngumbuzo wesithathulowo.56 Amadikoni, umsebenzi wawo kukugcina ucwangcoenkonzweni, enobubele nobuhlobo. Ngoko ke umelwe, ukubakukho umntu ophumileyo kucwangco enkonzweni, okanye intoethile engeneyo enjengenxila, okanye umntu othile ongenileyo.57 Njengokuba kwadutyulwa laa mfundisi eseqongeningobunye ubusuku phaya phezulu. Nakhe nayiva loo nto, elaanxila langenayo liphethe umpu omfutshane ongumbaxa.Lakhwaza inkosikazi yalo, li_lifuna inkosikazi yalo, lenyuka

Page 14: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

laya kumlungiseleli. Waze umlungiseleli walibonisa inkosikaziyalo apho, kodwa lalizakuyidubulela kanye enkonzweni,waqala ke ngoko umfundisi ukuzamana nalo. Endaweniyoku_endaweni yoku^Loo_Loo ndoda iphethe umpuomfutshane yajika yadubula umfundisi eseqongeni, yaphindayadubula inkosikazi yayo, yaphinda yazidubula.58 Ngoku, ukuba kwakukho iqela lamadikoni aphoekungeneni kwaloo ndoda emnyango iphethe umpu,ngewayeyibambe ngezandla ahlutha umpu lowo esandlenisayo. Yabona? Yabona, nga_ngamadikoni agcina ucwangcolawo. Ke ngoku, ezi zinto ziqhubeke ngolo hlobo ziqhubekangalo ngoku ungalindela nje nantoni na. Kodwa, khumbula,amadikoni ngamapolisa kaThixo endlwini kaThixo,akunamsebenzi nokuba ubani ucinga ntoni na. Ngamanyeamaxesha ipolisa alifuni kunyuka liye kubamba umntu othile,mhlawumbi iitshomi zalo, kodwa lisifungele eso sikhundla,linyanzelekile ukuba liyenze loo nto nakanjani na. Luxanduvalwalo lomsebenzi kwisixeko. Yabona?59 Nango umsebenzi wedikoni ebandleni. Yaye ukubakuxhuma othile aqalise ukuphazamisa umfundisi, okanye intoethile elolo hlobo, abe umfundisi esemyalezweni wakhe,amadikoni amelwe kukuphakama aye kuloo mntu, amabiniokanye amathathu kuwo, athi, “Asinakukhe sithethe nawe,mzalwana?” Yabona? Amzise ebandleni, amkhuphele e-ofisini,apha okanye kwi-ofisi ethile eyenye, athethe naye ngaloo nto,esithi, “Awumelwanga kukuba uphazamise.” Uyazi,si_sisohlwayo esikhulu ngokusemthethweni ukuphazamisainkonzo nakanjani na. Yabona? Kodwa abanye abantu,njengabantu abangootsotsi okanye into enjalo, xa bengenephakathi kwenu, uyazi, no_nomntu ongowenkolo oyibaxayo,aze_aze aqalise ukuqhubela phambili, ngoko amadikoni^Yaye ukuba amadikoni akabonakali enokuba nakoukuyilawula loo nto, ngoko ibhodi yabasayinela izimali okanyenabani na ongomnye ebandleni angangenelela ancedisekumntu onjalo. Niyayazi loo nto.60 Kwaye_Kwaye ngoku mandibuze umbuzo kwakhonaapha.

Ingaba ikho enye indlela engcono yokugcina ucwangcoebandleni kunokukhumbuza abantu ngokuthe rhoqongamadikoni, ngoku, esiqhelweni?

61 Ngoku ndiyacinga ukuba u_umlungiseleli, njaloethubeni^Okanye uyakudlala eli khasethi, alenze limenjengengqina. Amadikoni ngamapolisa, yaye ilizwi lawolingumthetho nocwangco. Yabona? Yaye analo igunya elivelaebandleni nelivela emthethweni wesizwe ngokwawo lokuyenzaindlu kaThixo ibe yindawo elungileyo. Yaye nabani na keonokuphikisana nedikoni ngolo hlobo, unoku_unokuwelwa

Page 15: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 15

yiminyaka emibini ukuya kwelishumi yesigwebo kwitolongoyomanyano. Ukuba umxelele ukuba ahambe aze angahambi,kungenjalo enye into elolo hlobo, umntu othile ophazamisayongesimilo sakhe, engayazi nje into ayenzayo^Uzifakaengxakini, uzibeka kuzo zonke iintlobo zezigwebo, nantoni na.62 Ukuze ke ukuba kuthe kwafikelela kwindawo yokubaothile^Ngoku, njengokuba^Yaye ukuba umntu othileuxhumile waphuma elucwangcweni^Ngokuthi mhlawumbinje athethe ngeelwimi okanye into ethile, andinakungena kuloonto. Yabona, makaqhubeke, kakade ukuba ulundwendwe.Ukuba ke ngabanye babantu bethu, ngoko bayeke nje^Ngobusuku obulandelayo, nina madikoni thabathani elikhasethi, nithi, “Ngoku, sizakudlala inkqubo yocwangcolwenkonzo phambi kokuba siqalise inkonzo, ndifuna ukubawonke umntu ayiqonde.” Nina ke balungiseleli nani ninakoukusebenza ngolo hlobo.

Ngoku, Mzalwana Branham, kuthiweni ngesikoloseCawe? Mzalwana Branham, malunga nesikolo seCawe(kulungile), simelwe kukuba phambi kwenkonzoyentshumayelo?

63 Ewe, besihleli sisiqhuba ngolo hlobo. Yibani nesikoloseCawe ngaphambi kwenkonzo yentshumayelo. Loo nto keinika abafo abancinane abaya bangena isikolo seCawe, ukubabakhuphe amagumbi abo okufundela. Kwaye ukuba yayeukuba bayafuna^babe abancinane bengayiqondi loo nto,baze banyanzeleke ukuba bahlale kuyo yonke inkonzoyentshumayelo baze babe nesikolo seCawe, aba bancinane selebadinwe baphela ngoko. Ke isikolo seCawe masibe sesokuqala,masibekelwe ixesha, sibekelwe kanye ixesha esiyakuthi ngaloisikolo seCawe siqhube. Umphathi wesikolo seCawe umelwekukuba ajongane naloo nto, ukuba isikolo seCawe siqhubengexesha elithile, simiselwe ixesha. Size ke sikhutshwengexesha elithile. Isikolo secawe sinikelwe nje elingako ixeshakuphela, size ke sikhutshwe.

Ingaba utishala wabadala umelwe kukuba ngomnyeumntu ingenguye umfundisi?

64 Ukuba kuvunyelenwe ngolo hlobo. Umlungiseleli xa efunaukufundisa isikolo seCawe aze ayizise intshumayelo yakhekamva, ilungile loo nto ilunge kakhulu ukuba ufunaukuphinda-phinda inkonzo. Kodwa ukuba akafuni njalo,ngoko yibani naye utishala wesikolo seCawe sabadala, yabona,ukulungiselela isifundo senu sabadala. Ke ngokoukuba_ukuba umlungiseleli unomntu othile ongomnyeamcingayo apho, abe naloo mntu efuna ukuyenza loo nto,mnikeni amashumi amathathu emizuzu, okanye nokubayintoni na eniyakuyivumela isikolo seCawe, amashumiamathathu okanye amashumi amathathu anesihlanu,amashumi amane, nokuba yintoni na.

Page 16: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

65 Kumelwe ukuba kufakwe intsimbi ke. Ukuze yakubethalaa ntsimbi, ithetha^kungenjalo ibe yintsimbi yenkonzo,yakubetha phaya ngaphandle, ikhupha isikolo seCawe. Ukuzeyakubetha laa ntsimbi, oko kuthetha ukuba yonke into mayibeselucwangcweni, ngoko.66 Kubekho ixesha elingako leculo kungenjalo abe mabini,nokuba nifuna ukucula ntoni na. Ingabi loxesha lide,bayakudinwa abantu xa begcinwe ixesha elide kakhulu,uyabona. Nibethe nje intsimbi, nenze iculo nokuba yintoni naeniyakuyenza, nibakhuphe ke abafundi benu. Ukuzengokukhawuleza okukhulu lakufika eloo xesha, mhlawumbisingathi i_intsimbi yeshumi, kungenjalo icala leyeshumi,okanye umkhono emva kweyeshumi, nokuba leliphi na,nibethe intsimbi aze wonke utishala akhuphe abafundi bakhe,baze ebandleni apha. Ukuze ngoko^Anike ingxelo, ingxeloyesikolo seCawe, ukuze ke ikhutshwe yonke loo nto, bathibonke abafunayo ukuhlalela intshumayelo elandelayo bahlale.Yabona, ngoko ke ingocwangco.

Umbuzo? Bangaphi^[Kukho umntu obuza kuMzalwanaBranham, “Siyazahlula ke ngokwamagumbi okufundela,ngamanye amazwi?”_Mhl]

67 Oo, ewe, niyakunyanzeleka. O_Ominyaka mithathuubudala akanakuqonda njengoko oneshumi elinesine ubudalaeyakuqonda. Ndiyacinga ukuba ndisenokubhekela phambilikancinane ngaloo nto.

Mangaphi amagumbi okufundela amelwe kukuba khona?68 Abafundi benu kufuneka nibabeke kwi^Njengegumbielincinane labafundi abamelwe kukuba ne-flannelgraph,ayifanelekanga noko loo nto kwinkwenkwe okanyeintombazana eneshumi elinesine leminyaka. Yabona? Umelwekukuba negumbi lokufundela labo baziintsana ezincinane,kubekho umama othile omdala okanye othile owaziyongokuphathwa kwabo. Amanye amagumbi, ndiyacinga,kumelwe kukuba ngumntu onako ngokuthe chatha ukuphathaiLizwi. Yabona? Yaye kumelwe ukuba kubekho amagumbi.Ndingathi ngoku, kungakho okufana negumbi lokufundelaukusuka^Mhlawumbi ubuncinane abemathathu amagumbi.69 Kungakho igumbi leentsana ezincinane, kubekho malunganokuqalela kwiminyaka emihlanu ubudala. Bonke ke abanyeabangaphantsi koko bamelwe kukugcinwa koomama babo,bathathwe bangeniswe kwindawo yeentsana ukubakuyimfuneko ngexesha le_lentshumayelo, ukubakunyanzelekile ukuba baqhubele phambili. Lelaloo nto elaagumbi leentsana noonina liphaya ngaphandle.70 Yaye ndiyacinga ukuba a_amagumbi okufundela amelwekukulungeleliswa ngokusuka kwiintsana ezincinaneezimalunga neminyaka emihlanu okanye emithandathu, ukuya

Page 17: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 17

kuma kweyesibhozo okanye elithoba, ishumi, into elolo hlobo.Ukuze ke kusuke kwiminyaka elishumi ubudala ukuyakwishumi elinesihlanu kwi_kwigumbi labaqalayo ukubalulutsha. Kuze ke kubekho igumbi labadala abangaphezukweshumi elinesihlanu, kuba bona^ukuba bakhulengokwaneleyo ukuze_ukuze^kwezi ntsuku zanamhlanjebasenokufumana umsebenzi babe befuna nokuvota xa bekobobudala, ngeli phandle, ngoko; bona_bona bamelwe kukubabanako ukuliva iLizwi, besenokuphuma bangene kwiholoeyona inkulu bafumane oko.

Ngoobani abamelwe kukuba ngootishala?71 Nantso ke, ixhomekeke kuni leyo kwivoti yenu nivoteleootishala benu. Yaye nimelwe kukuyenza loo nto, ukubafakaphaya, nifumane umntu othile. Nihlangane nebandla, nithi,“Ngubani^Ngoobani abaziva bekhokelwa yiNkosi?” Nize kenifumane utishala ophumeleleyo. Yenziwe ke ngoko.Kunyanzelekile ukuba ibe luxanduva olo, bazalwana. Ukubautishala akafanelekanga kulo msebenzi, ngokomabatshintshwe ootishala.72 Lakufika ixesha, phantsi koThixo, ukuba ndivangokungathi u-Orman Neville akasafanelekanga ukubangumlungiseleli apha, ndizakuyichaphazela loo nto ebandleni.Xa ndinokubona into apha, ndicinga ukuba nina madikonianinakuba ngabafanelekileyo ukuba nibe ngamadikoni,ndizakuyichaphazela loo nto ebandleni, ukuba, “Ndifumaniseukuba kukho idikoni elithile apha elenza into elingamelwangakukuyenza, libe lingasigcini isigxina salo somsebenzi,” nezintoezifana nezo, kungenjalo umsayineli wezimali okanye nokubayintoni ayiyo. Andinako ukumvotela ukuba angene kungenjaloaphume, libandla elimelwe kukwenza loo nto, kodwa enenenindizakuyizisa loo nto phambi kwebandla. Yabona, ngokubalilo elimelwe kukwenza into. Nantso into endimelwe kukubayiyo njengomveleli, ndimelwe kukukhangela ndibone ukubakuqhubeka ntoni na. Siya eZulwini, asiyi nje apha kwindawoethile yomkhankaso okanye into ethile yolonwabo oluninzinokugudlana, sidlala ibhola yomnyazi. Silapha siphethe eyonanto inobungcwele ikhoyo ehlabathini, iLizwi likaThixo, yayelimelwe kukuphathwa ngocwangco lobuthixo.

Ngoobani abamelwe kukuba ngootishala?73 Kuxhomekeke kuni ukubakhetha. Kodwa ndingathatha,kuba iintsana, ndingathatha ixhegwazana, abanye abakwaziyoukuyenza loo nto. Kodwa kwabaqalayo ukungena ebutsheni,ndingathatha utishala ongqwabalala, yaye kungaphunywa njeapha kojiwe iinyama. Ingalunga loo nto ukuba bafuna ukojiwakwenyama, kodwa yonke ibekwe kuloo nto^IbekwekwiLizwi, mayibe ngumntu onakho ukubamba iLizwi. Yayekuyakuba njalo, eli bandla alimelanga^Ukojiwa kweenyama

Page 18: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kulungile, yaye_yaye iipikiniki enifuna ukuhlangana kuzonibe nobudlelane, intle loo nto, yi_yinto enimelwe kukuyenzaukonwabisa abantwana. Kodwa kule ndawo ilapha, eli liLizwilikaThixo. Ukojiwa kwenyama xa nithe nahlangana, okanyeinto elolo hlobo, kodwa hayi endlwini kaThixo. Yaye nazi,kakade ukuba siyazi ukuba asikholelwa kobu budengebe_be_bepati nayo yonke into esingqongileyo apha,thina_thina^nazi ngcono kunaloo nto.

Ngubani omelwe kukongamela isikolo seCawe ukusigcinasiselucwangcweni?

74 Ngumongameli wesikolo seCawe. Yaye ngulowo umsebenziwakhe. Akamelwanga kukuba nayo nanto yakwenzakumadikoni, abasayineli bezimali, abalungiseleli, okanyenawuphi na ongomnye, unesikhundla esisesakhe. Nokubangubani na utishala wesikolo senu seCawe, andimazi. Kodwalaa mfundisi wesikolo seCawe umelwe kukuba aqaphele ukubaigumbi lokufundela ngalinye liyaqhubeka, nokuba yonkeitishala ikho, kungenjalo ayivale indawo yaloo tishala ngenyeitishala ukuba ayikho ngaloo mini.75 Ngoko phambi kweCawe kanye^Ngeli thuba i_izifundoziqhubekayo, umongameli wesikolo seCawe umelwe kukudlulaathabathe iminikelo ebebenayo apho (inkongozelo yesikoloseCawe), nengxelo yokuba bangaphi na abebekho, zingaphi naiiBhayibhile ebebenazo kweloo gumbi lokufundela, njalo njalo,aze enze ingxelo ngaloo nto. Aze ke eme phambi kwebandlakanye phambi kwenkonzo yokushumayela, xa enikwe ithubalokuyenza loo nto, xa benayo ingxelo yesikolo seCawe emvakokuba siphumile isikolo seCawe, achaze ukuba bangaphi naootishala, bangaphi na abebekho, nokuba lithini na inanilesikolo seCawe liphelele, lilonke_inani lilonke lomnikelo,nezinto ezinjalo. Amadikoni, ama-trustee, abalungiseleli,abamelwanga kukwenza loo nto. Abananto yakwenza naloonto, ngumsebenzi walowo wongamele isikolo seCawe lowo.76 Ukuze ke ukuba uyabona ukuba isikolo seCawe sisweleizinto ezithile, loo nto ke umelwe kukuyizisa kwi_kwibhungalama-trustee, ukuze abo basayinela izimali babe nentlanganisongaloo nto, kuqala. Ukuze ke ngoko abasayineli bezimali abo,ukuba bafumanisile ukuba ikho imali eyaneleyo nokunjalo,ngokugqitha kunondyebo, loo nto ke ingathengwa; ukubaufuna into eyenye enjengezinto zokufunda, nokuba yintoni naekuyiyo, kungenjalo iBhayibhile ezithile kungenjalo intoethile, bafuna ukuthengela iBhayibhile, omnye, uyazi,okwazileyo ukufumana awona mazwi maninzi nokucengcelezakakhulu iZibhalo, ibhaso elithile okanye into ethileabayakuphisa ngayo ngolo hlobo, isipho, babe befunaukusithenga ngebandla. Ngoko loo nto mayizisweku_ku_ku_kumadikoni^aze ke wona afumanise ukubai_i_ikho na engxoweni. Yabona?

Page 19: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 19

77 Ndiyacinga ukuba oko kuyayiphendula le mibuzo mihlanungaloo nto.

Ngoku olandelayo, uthi:Mzalwana Branham, ngokubhekiselele kucwangcoenkonzweni, sizamile kangangoko ngendlela esiqondangayo imiyalelo eyakhutshwa ekunikezelwenikusikelelwe le nkonzo intsha. Ngokwenza njalo ke,abanye baye banomsindo balishiya ibandla. Abanyeabafuni kuphulaphula nenye into esiyithethayo,ingakumbi abantwana. Siye sathetha nabazali malunganabantwana babo, baze ababakhathalela. Ngoku, ingabaikho into esingayiqondanga? Okanye, siyiqhuba ngendlelaengafanelekanga? Enkosi.

Ngoku mandiyiphendule le into sisehla nayo nje.Ngokubhekiselele kucwangco enkonzweni, sizamekangako ngokokuqonda kwethu oko kwathethwaekunikezelweni kusikelelwa le nkonzo intsha.

78 Ngoku, intle loo nto, nenza into elungileyo. Ngoku, leindawo imelwe kukuba yeyamadikoni, ndiyaqonda, kubailapha kanye kumsebenzi wamadikoni. Kulungile.

Kwaze kwathi ngokwenza njalo, sihlala esiqhelweni^abantu baye banomsindo kuthi.

79 Baba nomsindo kum, kananjalo! Bayakuba nomsindonakubani na. Yabona? Umntu owenza loo nto, ikho intoengalunganga kuloo mntu. Akalungisanga kuThixo, kubauMoya kaKristu uyayilulamela imfundiso kaKristu, indlukaKristu, ucwangco lukaKristu. Yabona? Yaye nawuphi naumntu^okanye umfazi, okanye abantu, abantwana, abanyebacaphuke kwidikoni elinobuthixo elizakubaxelela^yaye,okanye nawuphi na umzali othi acaphuke kwidikoni^Eneneni, sifuna wonke umntu kweli bandlaesinokumfumana; kodwa ukuba loo nto iyakubangainkathazo kwindawo ethile, lukho ulwamvila kungenjalo“into equnyiweyo,” njengoko sasidla ngokutsho. Loo mntuakalunganga.80 Ukuba bayemnka, inye ke into enokwenziwa: mabahambe,nize nibathandazele. Yabona? Ngoko mhlawumbi amanyeamadikoni ayakuya ebandleni labo^kungenjalo endlwiniyabo ngaxesha lithile, bafumanise ukuba kutheni na bemnkilenje, bababuze ukuba yintoni na engalunganga. Ngoko, ukubabona^Ubone ukuba ungabaxolelanisa na. Ukuba awukwazi,ngoko thabatha abe mabini okanye mathathu amangqinakunye nawe, ukuze babe nokuqonda. Ke ukuba abaqondi,ngoko ixelwa phambi kwebandla loo nto ukuba bangamalunguapha enkonzweni. Ngoko ba^81 Ke ngoko ukuba abangawo amalungu eli bandla, kakadeabangomalungu ale ntlangano, bamelwe kukwenziwa

Page 20: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

balawuleke. Yabona, ba_banyanzelekile ukuba bamameleimiyalelo yethu apha, ngokuba le yimithetho yenkonzo. Ezinyezezinto esingafuni kuzenza, izinto endingathandiyo ukuzenza,kodwa zizinto ezimelwe kukwenziwa. Yaye ndiyazibhengezangokunixelela apha ekhasethini, ndim, banokundiva ndithethabazi ukuba ndim, ingenini madoda. Nibuze mna le mibuzo,yaye ndininika okona kungcono ndikwaziyo ngokuphumaeLizwini likaThixo.82 “Ngoku, ukuba aba bantu baba nomsindo baphumebemnke kuni, sithini iSibhalo ngaloo nto, MzalwanaBranham?”83 “Baphuma kuthi ngokuba babengengabo abethu.” Ipheleleke apho. “Balishiya ibandla,” benza loo nto. Kulungile.

Abanye abafuni kumamela kwanto siyithethayo,ingakumbi abantwana.

84 Abantwana bamelwe kukuba baqeqesheke, bamelwekukuyifumana ekhaya loo nto. Kodwa nokuba ngowam kanye,abantwana bam bayangena apha naxesha nini na, bazebangabikho kucwangco, andifuni ukuba nenzelelelenakancinane; uSarah, uRebekah, uJoseph, uBilly, okanyenokuba ngubani na. Xelelani mna, ndizakuyilungisa. Ukubaabanasimilo, ngoko bayakuhlala bangezi enkonzweni badebafunde ukuziphatha kakuhle. Ayilobala lemidlalo eli, yindlukaThixo le. Asiyondawo yokudlala le, nokwenza umtyibilizi,nokubhala iziqwengana, nokuhleka, nokundweba kuhlekiswa,yindlu kaThixo le, yaye imelwe kukuqhutywa ngokungcwele.85 Niza apha ukuza kukhonza, anizanga nokuza kubaziindwendwe. Asingo_Asingomhlaba wepikniki lo,asiyondawo yotyelelo le; le yindawo yotyelelo kaMoyaoyiNgcwele, phulaphulani oko Akuthethayo,ningaphulaphulani nina. Asizi apha uku_ukuza kufumanaubudlelane phakathi kwethu, siza apha ukuza kufumanaubudlelane noKristu. Yindlu yokukhonza le. Abantwana kebamelwe kukuba nengqeqesho, ukuba ba^kubazali babo.Mayazeke loo nto! Ukuba la madikoni^Ukuba aba bazalibaba bantwana abasayi kuyiphulaphula into ethethwa ngalamadikoni, ngoko loo mzali umelwe kukulungiswa okwakhe.

Sithethile nabazali malunga nabantwana babo, kodwaababahoyi.

86 Ukuba bangamalungu eli bandla, ngoko umelwekukuthatha ababini okanye abathathu kunye nawe nimbizelebucala loo mzali entlanganisweni, kwenye yee-ofisi.Andikhathali nokuba ngubani na, nokuba ndim, nokubanguMzalwana Neville, nokuba nguBilly Paul nenkwenkweyakhe encinane, nokuba nguMzalwana Collins nomnyewabantwana bakhe, okanye nani ninonke. Thinasi^Sinothando omnye komnye, kodwa uxanduva lwethu

Page 21: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 21

lukuThixo kunye neli Lizwi. Nokuba ngokaDoc,akunamsebenzi nokuba ngubani na, simelwe kukubizanasingene sinyaniseke omnye komnye. Angasebenza njani uThixongathi, ukuba asinyanisekanga omnye komnye?Siyakunyaniseka njani kuYe? Yabona?87 Lucwangco ke olu, simelwe kukuyigcina ngalo indlukaThixo! Yaye amadikoni amelwe kukuyazi indlela yokwenzaloo nto. Uyabona? Kungoko ke ndinixelela ngoku ukubanizigcine ezi zinto zibanjiwe. Yaye ukuba lento, nixelelaabazali baze bangayimameli, bangayifuni kuyimamela, ngokozifumanele elinye idikoni okanye omnye kwabasayinelaizimali, kungenjalo umntu othile olungileyo wale nkonzo,nibize^uthabathe osayi-^Nithabathe ibhunga lenulamadikoni, amadikoni enu onke ehlangene, nithi,“uMzalwana Jones, Mzalwana Henderson, MzalwanaJackson,” okanye nokuba iyakuba ngubani na, “abantwanababo abanambeko, yaye sibaxelele kabini mhlawumbikathathu malunga nabantwana babo yaye abafuni kumamela.”88 Ngoko bizani uMzalwana uJones angene, kungenjalouMzalwana Nokuba ngubani na, nithi, “Mzalwana Jones,sikubizele intlanganiso apha. Siyakuthanda, yayethina^uyinxalenye yethu, ungomnye wethu. Makhe ndifakeeli khasethi lithile siphulaphule oko kuthethwa nguMzalwanaBranham ngaloo nto, yabona. Ngoku, sikucelile ukuba wenzeaba bantwana babe nembeko. Yabona? Ukuba abaziphathikakuhle, ube ungakwazi ukubenza baziphathe kakuhleenkonzweni. Bashiye nomntu othile xa usiza enkonzweni badebafunde ukuziphatha kakuhle ngokwabo endlwini kaThixo.”Yabona? Kodwa le into iselucwangcweni, imelwekukuqhutywa! Yabona?

Ngoku omnye umbuzo uyaqhubeka.Ngoku, ingaba kukho into esingayiqondanga?

89 Hayi, mhlekazi. Akukho nto ningayiqondanga, injalo loonto. Ndiyayiphinda kwakhona, imithetho yocwangco.Emkhosini, abakubuzi, “Ungathanda na ukuya kwenza intoethile?” Ukuba usemkhosini, unyanzelekile ukuba uyenze loonto. Yabona? Yaye yiloo ndlela ekuyiyo kwi^Ndinyanzelekileukuba ndishumayele iVangeli. Ndinyanzelekile ukubandiyimele le Nto ngaphandle kokuba omnye umntu wamnabazalwana nokunjalo bathini na ngaYo, ndinyanzelekileukuba ndiyenze lento. Ndinyanzelekile ukuba ndiviseubuhlungu ndikrazule indoda ithi saa, kodwa ukuba mna^90 Akufuneki ukuba ube njengo-Oswald. Yabona? Ukubaandikwazi kuvumelana nomntu nezinto ezithile, ngokomandimbambe isandla ndibe ndingekakhululeki ngakuyenangoko, ngoko kukho into engalunganga kuwe. Ukubaandikwazi ukungavumelani nomntu (kabuhlungu, ukusuka

Page 22: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwelinye icala ukuya kwelinye) ndize ndibe ndisacingakamnandi ngaye njengoko u_uKristu ebeyakwenza, ngokokukho into engalunganga kumoya wam, andinawo uMoyakaKristu. Yabona?91 Ukuba uthi, “Ke, Mzalwana Branham, ndi_ndiyakholwaukuba imfundiso yakho yile, leya.”92 “Kulungile, Mzalwana, masize sibonisane, wena nam.Sizakuyithabatha ngokwethu. Sizakuya ngapha egumbinisisodwa, siyixoxe ilunge.” Aze ke ke andixabele andivukuze,kunyanzeleke ukuba ndimthethele izinto. Ukuba entliziyweniyam andiziva ndiseyinto enye malunga naye, ukuba“usenguMzalwana wam nokuba ndizama ukumnceda,” ngokoandinakuze ndimncede, akukho ndlela kum yakumnceda.Ukuba andimthandi, kunceda ntoni ukuya kwa ukuya?Mxelele, “Indawo yokuqala, Mzalwana, andikuthandi, kemandikhuphe loo nto entliziyweni yam khona apha phambikokuba singene apha, ngokuba andikwazi kukuncedandingadanga ndikuthande.”93 Yaye injalo loo nto, kwaye yindlela leyo. Yabona,qhubelani phambili, niyenze ngokufanelekileyo kanye, nantsoindlela emelwe kukwenziwa ngayo. Anikhange ningayiqondi.

Ingaba siyiqhuba ngendlela engeyiyo?94 Hayi, yindlela eyiyo yokuyiqhuba leyo. Malugcinweucwangco! Ngokuba ngokuthe rhoqo^Ngoko, abantwanaabancinane noomama, iintsana ezincinane nokunjalo,zi_ziyalila, yaye ukuba zithe zalila kakhulu zaphazamisaumlungiseleli phaya phezulu, khumbula, ningabakhuselibakhe, ningoonogada bakhe baseVangelini. Yabona? Ke ukubaloo nto iphazamisana nomyalezo weNkosi, ngokoningamadikoni, yintoni enimelwe kukuyenza? Kanyenjengendoda ethetha ngeelwimi, inyanzelekile. Nendodaeshumayelayo, inyanzelekile ibopheleleke kwiLizwi,inyanzelekile malunga nezi zinto. Mntu ngamnye kuniunoxanduva kwisikhundla esithile, yaye yi_yiloo nto kanyeesi_esizele ukuyenza apha.95 Ngoku, asifuni kulinda thuba lide kakhulu, yaye ndiyaziukuba ndinedinga kwimizuzu embalwa, ngokondi_ndizakuzama ukukhawulezisa ngokukhawulezakangangoko ndinokuba nako.

Mzalwana Branham^Mithathu, mibini imibuzo ekweli khadi apha.

Mzalwana Branham, imelwe kukuba yiyiphi inkquboyokuthatyathwa kweminikelo ebandleni kusenzelwaabantu? Imelwe kukwenziwa njani lento?

96 Ndicinga ukuba ukuthathwa kweminikelo ebandlenikusenzelwa abantu makungenziwa ngaphandle kokuba

Page 23: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 23

ngumlungiseleli wenu. Yaye ndicinga ukuba ukuba kukhoumnikelo wobubele, okanye into elolo hlobo e^Okanyeumntu othile o_oneentswelo kakhulu, njengelinye lamalunguethu apha ebandleni, sithi mhlawumbi ukuba omnyewaBazalwana bethu, uthe ke wangena enkathazweni;kulungile, ndiyacinga ukuba ngoko loo nto ingavakaliswaeqongeni, aze ke umlungiseleli ayenze, ndicinga ukubangumsebenzi wakhe ukwenza loo nto; umzalwana othileoswele into ethile, makayibeke ebandleni, ukuba ufunaibonelelwe ngolo hlobo.

97 Ukuba ngumntu othile osweleyo nibe_nibe ngokoningafuni kuthabatha umnikelo womntu osweleyo, ngokoibhodi mazidibane zivumelane ngesixa esithile abafunaukusinika lo mntu ngokuphuma engxoweni. Kodwa ukubaingxowa iphantsi ngeloo xesha babe bengenakukwaziukuyenza loo nto, ngoko umelwe kukuthatyathwa, ke,makuthi_makuthi i^mayixoxwe nebhodi leyo, kunikelweimiyalelo kumlungiseleli, ukuze ke umlungiseleli acelele lentoithile. Athi, “Ngoku, ngokuhlwanje, uMzalwana wethu uJonesu_ufumene ingozi eyoyikekayo, indlu yakhe itshe yaphela. Kengokuhlwanje, njengaMakristu, sizakuhlangana, ukuzengamnye kuthi enze isibhambathiso soko sinokukwenzaukunceda uMzalwana Jones abuyele endlwini yakhekwakhona.” Yabona, kungenjalo_kungenjalo nokuba yintonina. Yabona, si_siyakwenza loo nto. Loo nto mayithethweeqongeni, nantso indlela yokuyenza. Ukuze ke ezoo zithembisozingeniswe, zize zinikelwe kunondyebo webandla. Ezoozithembiso ke mazihlawulwe ngokudlula kunondyebowebandla, zize zisiwe kuye. Yaye_Yaye anikwe ingxeloebhaliweyo yentlawulo umntu ngaloo nto, kuba andiyazinokuba iyahlawulwa na irhafu kuloo nto okanye hayi;ndiyakholwa ukuba iyenye into elolo hlobo.

98 Ngoku, kodwa kwakufikelela ku_kumntu olundwendweofikileyo, umntu olundwendwe ofikileyo eyakhe^Indodaefikileyo yathi, “Ke, uyazi yintoni? Ndi_Ndi_Ndiseluhambenindiye_ndiye ndagqajukelwa livili, yaye ndifuna ukuthengaivili elitsha. Ndithabatheleni umnikelo ngokuhlwanje wevilielitsha.” Ngoku, mayingenziwa loo nto. Hayi, mayingenziwaloo nto. Yaye ukuba ikhangeleka i_ukuba ikhangeleka iyintoefanelekileyo, okanye ingumntu enimaziyo, ibhodiinokuhlangana igqibe ngenani elithile lemali enokuphumaengxoweni ukuthengela loo ndoda ivili nokuba yintoni naekuyiyo. Okanye kungenjalo ukuba ingxowa yebandlaiphantsi, kube kugqitywe yibhodi ukuba ezi^Umlungiselelimakangabi nanto yakwenza kule nto, nga_ngamadikoniamelwe kukwenza lento, yabona, okanye ibhodi. Ke ngokuukuba oku^Ukuba kuvunyelwene, ngoko yinikeniumlungiseleli, ngumlungiseleli onokuthabatha umnikelo.

Page 24: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Kodwa, qaphela, ukuba lundwendwe, ukuba yintoengxamisekileyo, umntu othile oswele imalana nize niboneukuba yeyento efanelekileyo, (ngoku yimbono yam le), ngokuukuba yeyesizathu esinyanisekileyo esilungileyo yaye nisaziukuba yenzelwa isizathu esilungileyo^99 Ngoku, okokuqala, ukuba ungenyuka uye phaya phezuluukhangele ezincwadini zam endlwini, abantu abaye bedlulabesithi, “NdinguMfundisi uSibani-bani ovela kwibandla elithile-thile, kwaye ndi_ndinengxaki apha ezantsi endleleni,ndi_ndiswele amatayala apheleleyo,” esazi ke ukuba ndisandulakufika ndivela enkonzweni ndinomnikelo, okanye enye intoenjalo, ndimnike ke, ngokusondeleyo, ukuba aye kufuna loomatayala apheleleyo. Uze ukhangele emizuzwini nje, akuzangekubekho mfundisi ufana nalowo, engazange ahlale kuloo ndawoinjalo. Yaye lishumi ukuya kumashumi amabini amawakaeedollar asezincwadini ukusuka kule minyaka endiye ndaphisangawo ngolo hlobo, kungaziwa kwanto ngabo ukuba ngabaphina. Ufumanise ukuba, abanye abefundisi bathi, “Ke, mnawandenza kanje nakanjeya nakanjeya nakanjeya.”100 Ngoku, ibandla linoxanduva, kuphela kwabalo. Injalo loonto. Abangabalo, nalo uxanduva lwabo.101 Kodwa ukuba kukhangeleka iyinjongo efanelekileyo,nokuze ukuba nina_ukuba nina basayinela izimali ninokuthi,“Ke, ngoku khanime. Le ndoda, nantsiya inqwelo yayo phaya,yeyayo leya (kwenzekile,) kwakho oku. Ayiyoyebandla lethu,yabona, kodwa injalo loo nto.” Ke ukuba bayafuna ukuyenzangoloo hlobo, bathethe into ethile ekhethekileyo malunganowangaphandle^102 Hayi abangabethu, ngoku, uyabona, hayi abantu bethu,abantu abangabethu abathatyathwa kanye apha phakathikwa_kwababo, aBazalwana babo aba, yabona.103 Kodwa ukuba ngumntu othile osendleleni, aze loo mfo athiulambile okanye^kubekho umntu ofuna ukungenaepokothweni kuye enze ububele obuthile, loo nto ixhomekekekuye, kodwa ndithetha malunga nebandla. Ukuze ke ukubaabantu abasebandleni baceliwe ukuba baxhase, ngoko^104 Ngoku, ukuba ninomvangeli, kakade, apha oshumayelayo,ngoko^thabathani^oko kwaziswe ngaphambi kokubaafike, uyazi, ukuba niyakumnika umnikelo, okanyenimhlawule umvuzo, nokuba yintoni na afuna ukuyenza.105 Kodwa ngoku ukuba lo mntu ulapha, yaye kungenxayokulungileyo, abe umlungiseleli^nebhodi bethandaukuvumelana baxelele umlungiseleli ngaloo nto, ngokomakathi umlungiseleli, “Umntu othile-thile nanku apha,asiyazi laa ndoda, ingenile yasicela ukuba^ithi abantwanabayo balambile. Asinaxesha^asibanga nalo ixeshalokuyiphanda e_e_e_elo bango.” Yabona?

Page 25: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 25

106 Ukuba kukho into elolo hlobo, ngokookwethu_okwethu^Ukuba kukho nantoni na phakathikwenu, kwa_kwawethu amadikoni amelwe kukwenza uphandongaloo ngxelo. Yabona? Ukuze ukuba ifanelekile, ngoko niyenze.Ukuba yengafanelekanga, musani ukuyenza, aninyanzelekangaukuba niyenze. Kodwa ngoku ukuba ungumntu olapha,ni_ni_nikelani umlungiseleli athi, “Ngoku, ibhodi yabasayinelibezimali indixelele ukuba ayimazi lo mntu. Kodwa nanku lomntu ehleli apha, uthi igama lakhe nguJim Jones,” nokubalingubani na, “nanku ke ehleli apha. ‘Awunakuphakama,Mnumzana Jones? Ngoku, xa iphela inkonzo, uze uphakame umephaya emnyango, ekuphumeni kwakho.’ Yaye ukuba nawuphi nakubantu kubekwe entliziyweni yakhe, okanye nantoni na ofunaukuyenzela le ndoda, yinike ekuphumeni kwakho.”Iyaqondakala loo nto, ngoku?107 Niye nayifumana loo nto kweyenu^Kwabo bamameleemakhasethini^Nabanye be^UMzalwana Collinsuyiphosile kwikhasethi lakhe. Ndifuna ukusibethelela esoosicatshulwa kwakhona ukuba^kuba ungomnye wamadikoni.108 Ukuba_Ukuba kukho nayiphi na kula, indoda ethe yangenanaloo nto kuni^ibe iyinto engxamisekileyo ibe ifunaukuthabatha umnikelo ebandleni, mayihlangane nama-trusteeokanye amadikoni ehlangene, ukuze i^bahlangane, benze esisigqibo, baze baxelele umlungiseleli ukuba inokwenziwa kanje.Mabathi bona^Makathi umlungiseleli ayithethe loo nto “Lendoda ithile,” ayibize ngegama, “kwaye asiyazi. Inkqubo yethuke apha kukuba_kukuba iphandwe into phambi kokubakuthathelwe abantu iminikelo, kwaye, oko kukuthi,kwabangabethu. Kodwa le ndoda, ithi ayinazimali, yehlelweyingxaki, igulelwa ngabantwana, izama ukufunela abantwanabayo amayeza,” okanye nokuba yintoni na ekunokuba yiyo,engxamisekileyo. “Ngoku, yiyo le imi apha kanye.Awunakuphakama, Mhlekazi?” Yabona, bayiphakamise. Bathi,“Ngoku kuni bantu niyabona ukuba yintoni na^ukubangubani na. Ngoku, ekuvalweni kwale nkonzo le ndoda iyakumaphaya kumnyango wangaphambili, ukuze abantu abaphumayo,ukuba niziva nifuna ukunikela kule nto, nikhululekile;siyivakalisa nje apha ebandleni.” Aniyinyanzeli, niyayivakalisanje kuphela. Yabona, bububele obo kumntu wasemzini. Yabona?Niyayiqonda ngoku? Kulungile.109 Ndiyacinga ukuba kuyawuphendula lo mbuzo oko.

Kuthiweni ngamakhasethi? Ngoku nako: Kuthiweningamakhasethi? Inophawu lombuzo loo nto. Njengoko,abaninzi bebhalela i-ofisi bekugxeka ngokusetyenzwakwamakhasethi. Kananjalo, malunga nabanyeabakufutshane nebandla apha abathengisa amakhasethi,nakuba uMnumzana Maguire emelwe kukuba ahlawuleimirhumo kuwo.

Page 26: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

110 Kulungile. Amakhasethi angokwesivumelwanoesisayiniweyo. Ukuba mna^Andazi nje ukuba siphela na ninina eso sivumelwano sisayiniweyo, kodwa abasayineli bezimali,lo ngumsebenzi wabasayineli bezimali; hayi amadikoni,abasayineli bezimali; hayi umlungiseleli, abasayineli bezimali,abasayineli bezimali, bahlala njalo ngawo_ngawoisivumelwano esisayiniweyo, ngokokuyiqonda kwam loo nto.Kwaye ukuba oku_oku kuphosakele, ngoko abasayinelibezimali bona banyanisile. Aba basayineli bezimalibanesivumelwano naloo mntu wenza amakhasethi,amakhasethi ke wona angokokuthengiswa.111 Akukho mntu ungomnye unokwenza amakhasethingaphandle kokuba abe uvunyelwe nguloo mntu unelungelolokuthengisa, yaye akanako ukuthengiswa ngaphandlekokuba sisivumelwano saloo mntu unelungelo lokuthengisa,ngokuba ngumthetho lowo, yabona, ngokuba ilungelolokuthengisa liwabambile. Yabona? Ukuba ilu-^lowounelungelo lokuthengisa ufuna ukuvumela uSibani-bani enzeamakhasethi, ixhomekeke kuye loo nto. Ukuba ufunaukuvumela wonke umntu enze amakhasethi, ixhomekekekuye loo nto; ukuba ufuna wonke umntu athengiseamakhasethi, loo nto ixhomekeke kulowo unguMniniwelungelo lokuthengisa. Umelwe kukuba ne_nesiqwenganaesibhaliweyo sasayinwa esivela kulowo ubambe ilungelolokuthengisa, lokwenza nokuthengisa amakhasethi, ngokubangoko ukhululekile emthethweni; kuba ukuba akayenzangaloo nto, laa ndoda inelungelo lokuthengisa kuwo^Ungabauzibeka ityala ngokwakho kwi^Ukuba kukho u_umntuonentlondi obefuna ukudala inkathazo, angayenza ngeneneloo nto. Uyakube waphule elo lungelo lokuthengisa^kubaloo nto ifana nento enophawu lobunini, yabona, yinto enye,awuvumelekanga kuloo nto. Sisohlwayo esikhulu ukwenzainto enjalo.112 Ngoko ukuba abantu benza amakhasethi, mhlawumbibanesivumelwano esivela kuMnumzana Maguireo_onalo^o_ofumana imirhumo kula makhasethi. Kengoku^yaye andazi mna ngaloo nto, kuba andihlali thubalide nani apha ukuze ndazi ukuba zezikabani na ezi zinto,nokuba zibhekiselela kubani na. Ndiyaqonda ukubanguMnumzana Maguire osalibambileyo, ngokuba phayangaphandle, ndiseCalifornia okanye e-Arizona, kulaphondikhoyo, yaye ndiyaqonda ukuba bawathenga eCaliforniaamakhasethi. NguMzalwana Sothmann, uyisezala kaMzalwanaMaguire, ongumzalwana wethu apha ebandleni. Ndiyacingaukuba uMnumzana Maguire usenalo, i_ilungelo lobuninikuwo.113 Ke ngoku, kubekho izikhalazo malunga nokwenziwakwamakhasethi. Ngoku, xa kukho isikhalazo kuyo nantoni na

Page 27: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 27

esingisele kwezezimali zeli bandla, yingxaki yabasayinelibezimali ukubona ukuba loo nto ilungisiwe. Yabona?Akumelwanga, nakanjani, ukuba kubekho nto.

Ngoku niyabona apha, itsho apha kweli khadi, ukuba.Babhalela i-ofisi bekugxeka.

114 Ngeliphandle, ndineencwadi zaloo nto, yaye ndifuna ukubaniyazi ukuba kutheni na bengenakufumana awabo njeamakhasethi. Ngoku niyasazi esenu isivumelwano nalowounelungelo lokuthengisa, ngokuqonda kwam^Amakhasethi,a_andifuni nto yakwenza nawo, okwam, ukuba umntuunokuwasebenzisa amakhasethi ekuhambiseni iVangeli,“Amen!”115 Kodwa, kuqala, uMzalwana Roberson nabanye ngaboabaqalayo ukuwenza, uMzalwana Beeler neqela labo ngaboabaqala ukuwenza; yaze yangaba bafana babini, uMzalwanaMercier noMzalwana Goad, bawenza iminyaka emininzi;kwaye, kakade, xa ngamnye kuloo madoda ewenzile, kubekhoizikhalazo kuwo wonke umntu. Kodwa, apha kutshanje,kubekho isikhalazo esikhulu malunga nokungafumaniamakhasethi abo. Abantu banditsalele umnxeba kulo lonkeilizwe. Ukuze ke enye into, iyeyokuba, ngamakhasethianeendawo ezirhoxisiweyo. Badlala into ibenye ngomzuzuomnye, baze badlale baphinde enye into eyenye, uze ke ungabinako nokuqonda ukuba ziintoni na ezo.116 Ngoku, aba bantu bawahlawulelayo la makhasethi bameleukufumana ikhasethi elililo. Andikhathali nokubakunyanzelekile ukuba bawenze na, sifuna ukuba abathengibethu naBazalwana bethu (ingabo nje abathengi bethunaBazalwana), njalo njalo bamelwe kukufumana ikhasethi lo“Didi lo-1.” Ngoku, nina basayinela izimali yiqondeni loo nto,ukuba aba bantu bayaneliseka. Ukuba abanelisekanga, imaliyabo imelwe kukubuyiselwe kubo ngokukhawuleza okukhulu.117 Yaye kukho umntu onditsalele umnxeba, esithi kubeziinyanga ezininzi belindele amakhasethi. Ngoku, andazinokuba uMzalwana Maguire bayihoya njani na lento.A_Andazi nto malunga noko, njengoko ndingazinto malunganaloo nto. Yaye mna^Ayingomsebenzi wam ukwazi kwantongaloo nto, ngumsebenzi wakhe kunye nabo nabasayinelibezimali. Yaye andizami kungenelela, kodwa ndinixelela njeukuba uyintoni na umthetho waloo nto. Yabona? Umthethongowokuba la makhasethi, ukusukela ekuthumeleni kucelwawona, amakhasethi lawo amelwe kukuba sendleleni ngosukuolunye okanye ezimbini, ezintathu okanye ezine iintsukuezintlanu; emva kokuba bethumele bawacela amakhasethi,amelwe kukuba seposini kungenjalo isivumelwanosokuthengisa singacinywa naxesha nini na xa le miyaleloingathotyelwa. Yabona?

Page 28: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

118 Ngoku, njalo ke ngeenyanga ezintandathu okanye unyaka,sona simelwe kukuhlaziywa, esi sivumelwano simelwekukuhlaziywa. Nimelwe kukuhlangana ngomhla othile elithieli lungelo lokuthengisa liwuchaze ukuba niyakuhlanganangawo. Kuze ke ngoko kunyanzeleke ukuba, ukuba, abanyeabantu bamelwe kukuza ngeloo xesha, yaye nimelwekukwazisa abanye abebenesicelo malunga namakhasethi, bezenezabo izivumelwano bahlale phantsi zixoxwe.119 Ngoku, le miyalelo mayenziwe ke! Yabona? Yaye imelwekukwenziwa ngendlela eyiyo, ngokuba kusisikhalazo.Bakhalaza kuLeo noGene, bakhalaza kuye wonke umntu,sisikhalazo kuMzalwana uMaguire, yaye iyakuba sisikhalazonakomnye umntu, kodwa masifumanise ukuba siyintoni naisikhalazo sabo.120 Ngoku, kodwa xa amakhasethi eqalisa ukufumba, iibhokisizawo, iincwadi zingena ngobuninzi, ukuze bona^Yabona, loonto ayibuyeli kumenzi wamakhasethi, ibuyela kum. Bandihluphanjalo ngaloo nto. Ngoku, luxanduva lwam njengoMkristuukubona ukuba aba bantu bayayifumana into abayihlawuleleyo,yaye ndifuna ukuba nina ma-trustee niqonde ukubabayawafumana. Ukuba bamelwe kukutsala enye imali, ukuzebafumane ikhasethi elingcono, kufumaneke umatshiniongongcono, sifuna ukuba kubekho umntu oyakulenza elookhasethi olenza ngendlela eyiyo. Nanko umdla wethu. Ikhasethimalenziwe ngendlela eyiyo! Aze umthengi aneliseke, kungenjalosiyimise yonke loo nto ngokupheleleyo, singabi namakhasethi,sivumele wonke umntu alenze ofuna ukulenza. Kodwa ukubabazakubiza imali ngawo, mabaqiniseke ukuba bafumana loo ntobayihlawuleleyo abantu, kuba buBukristu obo. Loo ntoayidlulanga ekwenzeni^121 Ke bakuza apha beza kuphulaphula iVangeli, ndifunaukubanika okona kungcono kolwazi lwam endinokubanika,yabona, yaye bakufika apha ndifuna ukuqiniseka ukubawonke umntu nayo yonke into iyaqhutywa. Naso isizathusokuba ndinixelele nina madikoni, basayineli bezimali,nabalungiseleli, apha ngokuhlwanje, ukuba nifanelwekukuyigcina ngokucokisekileyo lento, kuba abantu bayezabezokufumana uThixo, simelwe ke kukuba sizilungelelaniseezi zinto.122 Kananjalo amakhasethi makabekwe endaweni yawo.Ukuba bamelwe kukutsala imali ethe chatha, ukubaninamakhasethi odidi lwesibini aqhubekayo, ngoko fumananiawona angawo amakhasethi. Nokuba nimelwe kukutsala imaliethe chatha kubo, tsalani imali ethe chatha, makafumane loonto adliwe imali ngayo umntu.123 Andinamdla nakancinane kwimirhumo, nditsho nepenienye, ngokunjalo noMnquba awunamdla; andifuni ukuba nibe

Page 29: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 29

nawo. Musani ukuba nomdla kuloo nto, kwi_kwimirhumo.Ukuba bayabahlawula abanye, ndiyaqonda ukubaningawuthabatha umrhumo omncinane ngenxa yokubaesenziwa apha. Ndiyacinga ukuba loo nto ingathethwakuMnumzana Miller nabanye malunga nomthetho, simelwekukuthabatha imirhumo ethile okanye into enjalo. Ixhomekekekuni loo nto ukuyiqonda. Andisayi kuba nanto yakwenza nayokodwa into^Ihlanganiswe kakuhle, nize niyikhathalele ke.Andinako ukuhoya loo nto iyonke, ndinixelela nje indlelaemelwe ukuba yiyo nendlela emayiqhutywe ngayo. Ukuze^Kwaye niyaqonda, ndithe, “kunyanzelekile ukuba iqhutywe”!Ngoko sifuna ukuba iqhutywe ngokukuko lento.124 Ke ukuba kuye kwanyanzeleka ukuba nifumane umatshiniongcono onokuyiqhuba, ngoko fumanani loo matshini. Ukubakunyanzelekile^Ngoku, ndithe kubo, ndithe, “Yonke inko-^ukuseka amabandla endiyakuko entsimini, phambi kokubandihambe, ndiyakunazisa ukuba zintshumayelo zini na endiyakushumayela zona phaya ngaphandle, into eselendiyilungisile^” Ndaye ndinithembisile nonke, ukubandiyakuphinda ndiyishicilele ekhasethini ngokuhlwa ngeCawekwakhona, ukuze, “Phambi kokuba ndishumayele nawuphi naumyalezo omtsha, ube uphume usuka kulo Mnquba kuqala,ngokuba kukhangeleka ngathi banokona kushicilelakungcono.” Niyayikhumbula loo nto? Ngoko ndakufika aphaukuza kushumayela imiyalezo yam, ndiyakubuya ndiphumendazise indoda yamakhasethi ukuba zeziphi na iinkonzo.Bayandibuza, “Zeziphi? Yintoni oza kuyishumayela?”Ndimxelele, “yile ngokuhlwanje ndiyakuba kwethile-thile,ukuze ibe yile ngokuhlwanje ndikwethile-thile,” ukuze babenako ukuyenza ilungele abathengi ukuba bayifumane khonangoko; babe beyifumene ikubo, ikhasethi elingcono kunelobebenalo phaya ngaphandle enkonzweni, ngenxa yokubalenziwe kanye apha eMnqubeni apho isandi sivakala kakuhle.Yabona?125 Ngoku, ndizakungena koku kuvangela kukhulu, intoendiza kuyenza ngoku kwiindawo zaphesheya kolwandlenezinto ezinjalo, ndingathembisa ngaloo nto, uyabona,andinakuthembisa ukuba ndiza kushumayela umyalezo wamwokuqala apha. Ngokuba xa ushumayela ujikeleza, imiyalezo,kumelwe ukuba ube nento ethile ethi^I_Iyaphelelwa lixeshangaphakathi kuwe, yaye imelwe ukuba iphelelwe lixeshakwabo bayiphulaphuleyo. Umelwe kukuba uye kwenza intoeyahlukileyo, uyabona, uze uyizise kanye kulo Myalezouphaya. Kodwa ke mababeke umatshini phaya ngaphandleentsimini, okanye nokuba yintoni na, eyakuwathabathangokugqibeleleyo la makhasethi.126 Baze benze ikhasethi eligqibeleleyo, lize lonke ikhasethilidlalwe kwakhona lihlolwe phambi kokuba lihambe,

Page 30: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kungenjalo imiswe yonke loo nto; singabi nayo kwantoyakwenza nalo, umntu ngamnye azenzele elakhe ikhasethi.Yabona? Kodwa mayenziwe ngendlela eyiyo, yabona, ukuze esisikhalazo siphele. Asifuni zikhalazo konke. Ukuba kukhoisikhalazo, masisihoye, ngoko kube kuphelile ngazo.127 Ngoku, ndizakukhawulezisa ngokukhawuleza okukhulukangangoko ndinokuba nako. UBilly unamalunga nesibiniseminye imibuzo apha, okanye emithathu, size sibe sigqibile.

Kukangakanani, Mzalwana Branham, apho umdikonianokuma khona ukugcina ucwangco enkonzweni?Silugcine ucwangco okanye silindele uMzalwana Nevilleukuba asixelele emasikwenze?

128 Ayingomsebenzi kaMzalwana Neville lowo, ngumsebenziwenu. Yabona? Ayinini enixelela uMzalwana Nevilleamakashumayele ngako, ukuba makayishumayele njani na.Yabona, ngumsebenzi wenu, nina madikoni, nini enimelwekukwenza loo nto. Yihoyeni loo nto. Ayinanto yakwenzanoMzalwana Neville, ngumsebenzi wenu lowo. Yabona?129 Ngoku, ukuba ipolisa phaya ngaphandle esitratweni liboneindoda isiba into ngemva emotweni ethile, ingaba limelwekukutsalela umnxeba usodolophu, lithi, “Ngoku, Sodolophu,wena uHloniphekileyo, mhlekazi, ndisebenzela wena aphakulo mkhosi wamapolisa. Ngoku, ndifumana indoda aphaphezulu esitratweni, i_ibisiba amatayala athile iwakhuphakwimoto phezolo. Ngoku, ingaba mhlawumbi, ithini imbonoyakho malunga naloo nto?” Hee! Yabona? Yabona, loo ntoingayinto engekho ngqondweni. Akunjalo? Hayi, mhlekazi.Ukuba loo mntu wenza into engalunganga, mbambe.130 Yaye ukuba abantu benza into engalunganga aphaenkonzweni, okanye nabani na, mmise, thetha naye. Ungabikrwada; kodwa ukuba abamameli, thetha ngendlela ayakuthingayo azi ukuba uthini na. Yabona? Yabona, njengokuxelelaumntwana uthi, “Hamba phaya emva,” abe esenzangokungenambeko. Madikoni, thabathani indawo yenu!Bekani^Nibane, hlalani ababini ngaphambili nababiningasemva, kwezi kona okanye indawo ethile elolo hlobo.Nikhangelisise ngenene, iindlavini nayo yonke enye intoengena ngolo hlobo, uyabona. Yaye hlalani nigadile, yibanikwinxaxheba yenu yomsebenzi nihlale apho, sisihlalo senu eso;kungenjalo nime kanye ngaseludongeni nijonge wonke umntuongenayo.131 Idikoni ligada indlu kaThixo. Xa kungena umntu, athethenalo; malibe phaya ukuze limbulise, limbambe isandla. Okokukuthi, ulipolisa, “Singakubonisa igumbi lokutshintshela?”Kungenjalo “Ungasifumana isihlalo?” “Singakunika iculookanye into ethile?” Okanye “Ngoku singathanda ukubawonwabe apha, u_uthandaze, si_siyavuya ukuba ube kunye

Page 31: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 31

nathi ngokuhlwanje apha.” Nibakhokele behle baye kuhlalaendaweni, nithi, “Ungathanda ukuhlala kufutshanekungenjalo uhlale apha emva?” Okanye nokuba kukweyiphi naenye indawo. Bububele obo.132 Ipolisa (okanye idikoni) lilipolisa lasemkhosini kumkhosiothile, linononelelo, ukanti linegunya. Yabona? Niyazi ukubalinjani na ipolisa lasemkhosini, into eliyiyo ngenene, ukubaliqhuba okusemalungelweni alo, ndicinga ukuba lifananomphathi oyintloko nje. Uyabona? Kukukhathalela nayoyonke into, ukanti ke linegunya. Yabona, kufuneka uliqaphele.Yabona, libeka^Aba basebatsha baphuma phaya phandlebanxile, kuba, libafaka endaweni yabo. Linjalo nedikoniukubafaka endaweni yabo.133 Ngoku, khumbula, idikoni lipolisa, yaye isikhundlasedikoni eneneni sesona singqwabalala kunazo zonkeizikhundla ebandleni. Andazi kwasikhundla singqwabalalakunesikhundla sedikoni. Injalo loo nto, ngokubali_linomsebenzi ngenene, yaye liyindoda yakwaThixo.Liyindoda yakwaThixo kanye njengokuba umlungiselelieyindoda yakwaThixo. Ngokuqinisekileyo, linjalo.Lingumkhonzi kaThixo.134 Ngoku abasayinela izimali, inye into, baphantsi koxanduvakuThixo ukuba bagade izimali bazihoye, izinto eziqhubekayongoloo hlobo. Ndinixelele malunga namakhasethi,na_namalunga nezinye izinto apha eziqhubekayo, malunganokulungiswa kwesakhiwo, nokuthatyathwa kwezimalinezinto ezinjalo, yiloo nto_yiloo nto abangabasayineli bayo:izinto ezizezebandla, izimali nezinto ezinjalo. Amadikoniakananto yakwenza naloo nto. Ngokunjalo na_nabasayinelaizimali abananto yakwenza nesikhundla sobudikoni.135 Ngoku, ukuba amadikoni afuna ukucela uncedolwabasayineli bezimali kuyo nantoni na, okanye_okanyeabasayinela izimali olwamadikoni, yaye nisebenzanonke^Kodwa ngumsebenzi wenu lowo, ukukhetha. Yabona?Kulungile.136 Ngoku, hayi, musani ukubuza kuMzalwana Neville. UkubauMzalwana Neville unicela ukuba nenze into ethile, ngokongu_ngumlungiseleli wenu lowo, ngokuhlonipha nothandokuyo yonke into^Ukuba uthe, “Mzalwana Collins, MzalwanaHickerson, Mzalwana Tony, okanye umntu othile, khaniboneukuba konakele ntoni na phaya ekoneni.” Ukuba kukhouxanduva lomsebenzi olunjalo, uyazi, njengendoda yeneneyakwaThixo.137 Khumbula, awusebenzeli Mnquba kaBranham,ungasebenzeli noMzalwana Neville kungenjalo mna,usebenzela uYesu Kristu. Yabona? Wena^Yiloo ntooyenzela^Kwaye Ulindele ukuba uthembeke kanye njengoko

Page 32: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Yena enjalo kumlungiseleli okanye nakowuphi na omnyeumntu, ulindele ukuba uthembeke! Yaye siyafuna ukubonisaukuthembeka kwethu.138 Ngoku, ngamanye amaxesha, kuba nzima. Kunzima kumukubona umlungiseleli ohleli phaya endimthanda ngentliziyoyam yonke, kuyakunyanzeleka ndimxelele ngenene; yabona,kodwa ngendlela yothando, ndolule isandla ukuze ndimncede.Kodwa, yabona, bayeza kum ke bathi, “Mzalwana Branham,ungumntu othandekayo nje, kutheni ungenzeleli kancinane njengobhaptizo, nangale, leya, kunye naleya, olwa khuseleko,nembewu yenyoka?”139 Ndithi, “Mzalwana ndiyakuthanda, kodwa masithabathenje^masithabathe iSibhalo sibone ukuba ngubani naonyanisileyo okanye ophosisayo.” Yabona, kufuneka ndibenako uku^140 “Owu, ngoku, Mzalwana Branham, ndiyakuxelela,uphosisa ngokupheleleyo.” Yabona, aphume ebhabha.141 “Owu,” ndithi, “kulungile, mhlawumbi ndenze njalo.Ngoko, ukuba ndiphosisile, ngokuqinisekileyo unokundixelela,wena^Wena uyazi ukuba ndiyiphose ndawoni na, ngokondibonise ukuba ndiyiphose phi na.” Yaye ndikulungeleukumelana naloo nto, yabona.142 Yinto enye, “Heyi, awunanto yakwenza nokuxelelaabantwana ukuba mabahlale phantsi.” Ngoku, idikonili_lingumgcini wendlu kaThixo. Yabona? Ukubawena^Likhathalela indlu kaThixo liyigcine iselucwangweni.Ngoku, nantso into ethethwa siSibhalo, yaye ukuba unayoenye into eyenye emelwe kukwenziwa lidikoni, yiza undixelele.Yabona, yiyo leyo iyinto enye, koko ngu_ngumsebenzi wenuukwenza loo nto, ewe, ukuxhasa nje.143 Yaye akumelwanga kukubuza mntu, ngu_ngumsebenziwakho lowo. UMzalwana Neville akabuzi mntu, ibandlaalimelwanga kubuza^Ndithetha ukuthi, a_a_abasayinelaizimali abamelwanga kubuza uMzalwana Nevilleukuba_ukuba uyafuna na ukuba lubekwe uphahla emnqubeni.Yabona? Hayi, hayi loo nto ayinakwenza noMzalwana Neville,ayiyonto nakum, yeyenu. Amadikoni akamelwanga kuku^144 Kukwayiloo ndlela kumlungiseleli. “Uzakushumayelangantoni? Andifuni ukuba uyenze le nto.” Abananto ekuthethenioko, uphantsi koThixo, yabona, umlungiseleli wabo. Kwayengoko ukuba_ukuba_ukuba^UMzalwana Neville,ushumayela umyalezo ethe iNkosi yasipha wona, sibe sikunyengaphakathi koku. Yaye ukuba ndixelela uMzalwana Nevilleinto ephosakeleyo uThixo uyakundibeka ityala ngaloo nto. Injaloloo nto. Yabona? Ngoko uThixo nguye uMphathi waloo ntoiyonke. Yabona? Yaye sisebenza nje njengabameli baKheabangonoozaku-zaku, uyabona, apha ezantsi kwezi zikhundla.

Page 33: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 33

Nceda^Umbuzo olandelayo, ukuze ke ndiyacingaukuba sakufumana ube mnye size si_sipheze.Khawuncede ucacise iintlobo ezimelwe kukusebenzangayo izipho neelwimi ebandleni lethu. Sendiyenzile loonto. Kuxa kutheni ukuze ibandla libeke kulungelelwanonjengoko^okanye apho zimelwe kukusebenza khonaizipho kanye? Ndisandula ukuyicacisa loo nto.Zingaphi ii-c-h-r-i-s-t-m-a^Ungakwazi ukuyibonaukuba yintoni na le? [uMzalwana UBilly Paul uphendula,“Izixhobo.”_Mhl.] Oo. Izixhobo. Esimelwe kukuba nazoenkonzweni ngaphandle kwe-organ kunye nepiyano?

145 Ke, kuxhomekeke kuni ukuba ninganeqela lezintoezinentambo okanye nokuba yintoni na eninokuba nayo,uyabona. Andazi nokuba yintoni na eninayo, andiyazi nokubaithetha ntoni na lento, andiyiqondi. Kodwa i-organ nepiyanozizixhobo zasenkonzweni ezo. Ngoku, ukuba okhokelayouyaculisa anganomdla wokuba kubekho amaxilongo nee-cornets nezinto ezifana nezo, kubekho umntu ongeneyoenkonzweni badlale ezi zixhobo zomculo^Babekwiqelalomculo ke, kwaye_kwaye ngoko, kakade, loo nto yeyenubasayinela izimali, ukuyithabatha loo nto niyihlanganisenabasayinela izimali nibone ukuba banayo na imaliyokuthenga izixhobo zabo zomculo nezinto ezinjalo, okanyenokuba yintoni na elolo hlobo. Ndiyaqonda ukuba ubhekiseleleapho umbuzo wabo.146 Kodwa ukuba banezixhobo ezizezabo, intle loo nto, ukubaabanazo ezizezabo, babe bengamalungu eqela elidlala umculoapha, ingengomntu nje ongene ebaleka apha adlale kube kanyeethubeni, abaleke aphume ngoloo hlobo, kufuneka ibe liqelalomculo ebandleni. Ibandla alinakuthenga i_i_ixilongolithengela indoda elidlala apha ukuze ngokuhlwa ngomso ibekwenye indawo, iphinde ibekwenye indawo, ihlale ihlale ithigqi ethubeni idlale kancinane. Hayi, mhlekazi. Kufuneka ibeliqela lokudlala umculo lalapha kanye, eliqokeleleneyoli_linenkokeli, ukuze ke ibandla, lithethe nabo malunganokuthenga izixhobo.

Nceda cacisa nje indlela esinokuthi ngayosi^ekunokuthi ngayo thina madikoni sigcine abantubekwindawo engcwele ngaphambili okanyeemva^Nceda cacisa. [uMzalwana UBilly Paul ufundelaumbuzo, “Singabagcina njani na abantu bezolilekwindawo engcwele yeholo phambi kungenjalo emvakwenkonzo?”_Mhl.] Oo, kulungile.

147 Ndingacebisa oku, bazalwana. Ngoku, nantso intoebalulekileyo, yaye ndinqwenela ukuba sibe besinexesha elithechatha lokuyifaka, kuba yi_yi^i_ithetha into kuthi, yabona.Ngoku, ibandla aliyondawo^

Page 34: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

148 Ukuba uyafuna^Ukuba nifuna ukudlala eli khasethiliphele ngobusuku obuthile nize nilidlale phambi kwenkonzo,ukuze abantu babe nokuyiqonda lento, malidlalwe; yile ndawonje yekhasethi kodwa akukho nto iyenye, le yodwa. Nayiphi naindawo kulo enifuna ukuba niyidlale ngenxa yento ethile,niliyeke liqhube lide lifike kuloo ndawo, nize niyidlale.Yabona, kuba yimibuzo.149 Ngoku, amadikoni ebandla, njengokubabendi_njengokuba benditshilo, angamapolisa enkonzo. Kodwainkonzo asiyondlu yentlanganiso yasesidlangalaleniyo_yobudlelane nobutshomi nokuhlekisa. Inkonzo yindawoengcwele kaThixo! Siza apha^Ngoku, ukuba sifuna indawoyokuhlangana, mandiye endlwini yakho okanye wena uzeendlwini yam, okanye nihambelane ezindlwini nihlanganeomnye nomnye. Kodwa into yokuhlekisana nje kwalaphaenkonzweni, nokuthetha nezinto ezinjalo, ayilunganga,bazalwana; siza apha, siyikhuphe yonke loo nto engqondweniyethu. Ukuba sinokuza apha^150 Khangela indlela eyayikade isenziwa ngayo kwiminyakaeyadlulayo. UDade Gertie wayengumdlali wepiyano.Ndandingumlungiseleli apha, kwa_kwakunyanzelekile ukubandibe ngumlungiseleli, idikoni, osayinela iimali, nayo yonkeinto ngexesha elinye, yabona, kodwa kwa_kwakunyanzelekileukuba ndenze loo nto. Ngoku aninyanzelekanga ukuba niyenzengoloo hlobo, yabona, ngokuba ninawo amadoda okuyiqhubalento. Kodwa xa i^Ndandinabaququzeleli, uMzalwanaSeward kunye nabanye emnyango. Babenemfumba yeencwadieziphaya ngasemnyango, ihleli esitulweni, okanye into ethilekungenjalo enye. Kuthi ke kwakungena umntu othile,nibabonise indawo yokuxhoma iibhatyi zabo okanyenibancede ukufumana izitulo zabo, nibanike iculo nibaceleukuba “yibani semthandazweni.” Ukuze wonke umntuesitulweni sakhe athandaze ngokuzolileyo ide ibe lixeshalokuqalisa. Yabona? Kuthi ke ngexesha lokuqalisa, uDadeGertie, umdlali wepiyano, aphakame aye phaya aqalise umculongaphambili^xa abantu be_behlanganisana.151 Ndingacebisa ukuba umdlali wenu we-organ aphakameaye phaya ngomculo omnandi ngenene. Ukuba ke akakwaziukuba lapha, awufake kwikhasethi lize ke likhaliswe, okanyeinto ethile eyenye. Nibe nawo umculo, umculo ongcweleomnandi ngenene uqhuba. Ngoko^Nize nicele abantu^Yaye ukuba abantu baqalisa ukuthetha nokuqhuba ngoloohlobo, elinye lamadikoni maliphakame liye embokweni phayaphezulu eqongeni lithi, “sh, sh, sh,” ngoloo hlobo. Athi, “Aphaemnqubeni, si_sifuna ukuza kudumisa. Masingenzi ngxolo kengoku, masiphulaphule umculo. Zifumanele isitulo, uhlalephantsi, uhloniphe yabona, uthandaze kungenjalo ufundeiBhayibhile. Le yindawo engcwele yokukhonza kulapho iNkosi

Page 35: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 35

ihlala khona. Yaye sifuna ukuba wonke umntu ahloniphengenene adumise, angajikelezi nje, athethe phambikwenkonzo. Zihlanganiseni, yaye ningene apha ukuzakuthetha neNkosi. Yabona? Kuphakathi kokuba kubesemthandazweni ozolileyo, yabona, kungenjalo ufundeiBhayibhile yakho.”

152 Ndathi ndakuya kungena kwinkonzo yaseMarble phayaphezulu e_e^UNorman Vincent Peale, nakhe neva ngaye,uyabona. Ndaze ndaya kungena^Inzululwazi enkuluyengqondo, uyitishala, uyazi. Ndaya kungena ebandleni lakhe,ndacinga nje ukuba, “Ndinqwenela ukuba ube umnquba wamungayenza kwakhona laa nto.” La madikoni ayemi kanye aphoemnyango nje ukuba ungene. Wona, kakade, akunikaiphetshana lesikolo seCawe, akuthathe ehle nawe.Kwakufuneka bekhutshwe amatyeli amathathu, uyazi,ithabatha kuphela malunga namane okanye amakhuluamahlanu, uyazi; yaye ke iNew York yindawo enkulu,uyindoda edumileyo ke yena. Yaye ndicinga ukuba babebanesifundo esinye ngentsimbi yeshumi babe nesinye ngentsimbiyeshumi elinanye, ikwayilaa ntshumayelo inye iphindwakwakhona, iyilaa nkonzo inye ngokuchanekileyo, ilelaaphepha linye. Kodwa ekuphumeni kwabo, babe (ndiyakholwa)imizuzu emihlanu yenkonzo ngokuchanekileyo^Akukhomntu wumbi wayenokungena bade baphume, ukuze keamadikoni avule indlela abanye ke baphinde bazalise inkonzo.Babenezazitulo zakudala zeebhokisi, uyazi, babengenakanjeya, bahlale phantsi kwizitulo zenkonzo wakuvula ucango.Yeyodidi lwakudala, kudala imi phaya isithuba_isithubaesimalunga namakhulu amabini eminyaka, ndiyaqonda,inkonzo yakudala yaseMarble inayo.

153 Wawunokuva ke nesipeliti sisiwa kuyo yonke loo ndawokuloo nkonzo, wonke umntu esemthandazweni isithubaendinokuthi ngamashumi amathathu emizuzu phambi kokubakuqale kwa iqhosha lokuqala ukubethwa kwi-organ,ukwandulela. Wonke umntu nje esemthandazweni. Ndacinga,“Yinto emangalisayo le!” Ukuze ke laa mlungiseleli^Esosandulela, malunga^Ndiyacinga ukuba babedlala isandulelasibe sinye isithuba esimalunga nemizuzu emithathu ukuyakwemihlanu, Umkhulu Kakhulu, okanye into elolo hlobo,baqhubele phambili ngolo hlobo. Lithi ke lakwenziwa njalo,wonke umntu apheze ukuthandaza amamele esoo sandulela.Yabona, yayinika inguqu, ukusuka emthandazweni ukuyakwisandulela. Bathi ke bakudlala loo mculo, ngoko okhokelaikwayala akhokele ngomculo. Babeneculo lebandla ke kunyenekwayala. Babesele belungele isikolo sabo seCawe. Yabona?Ukuze_Ukuze ke sakuphuma, kwakungekho nto iqhubekayongaphandle kokudumisa okungcwele, lonke ixesha, yaye yiloonto esasiyele yona apho.

Page 36: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

154 Ndiyacinga ukuba ingayinto elungileyo kwinkonzoyethu^Yaye ndiyithetha nje lento, sizakuyenza. Yabona?Masiyenze. Ukuba kukho umntu onenye, into^Yaye ndicingaukuba iyakuba yinto elungileyo. Ukuba yinto elungileyo,ngoko masiyenze. Yabona? Asifuni kulahla nayiphi na intoelungileyo, sizakuyenza, nakanjani na. Yabona? Baqhube kebe_beme ngenyawo apho ke ukuba baqalisa ngentsasa, okanyeinto elolo hlobo, abantu abandwendweleyo, bavumele njeabemnye, okanye a_amadikoni, okanye umntu othile anyukeaye apho athi, “Kwenziwe umthetho ke apha emnqubeni^”155 Andazi nokuba bayayenza na, basenokuba_basenokubabayayenza. Andikhe ndibekho apha, uyabona, andazi.Andizange ndibe lapha ezinkonzweni ngaphambili.156 Bathi ke bakungena baqalise ukuthetha, kubekho umntuonyukayo athi, “Sh-sh-sh, umzuzwana nje.” Yabona?Makuthi_Makuthi^Bafumane uDade omncinane, bamnyuseapho aqalise ukudlala laa mculo. Ukuba aninaye, niwufakeekhasethini niwubeke phaya, yabona, umculo we-organ. Nithi,“Ngoku si^Kukho umthetho omtsha apha emnqubeni. Xaabantu bengena apha, akufuneki sisebeze okanye sithethe,koko masinqule. Yabona? Ngoku, okwemizuzwana embalwanje inkonzo izakuqala. Kude kube ngoko ke, yithi njemhlawumbi ufunde iBhayibhile kungenjalo uthobe intlokouthandaze ngokuthe cwaka.” Amaxesha ambalwa ke njengoloo hlobo, bayakufunda bonke. Yabona? Yabona?157 Uyakuva umntu othethayo, ize iphinde ihle^kuba emvakwamaxesha ambalwa ngokunjalo, emva komzuzwanauyakufikelela kwindawo apho umntu ayakuthi^Xa ubonaumntu othethayo, akukho mntu ungomnye omakathethe,uyabona, kulungile, ngoko elinye lamadikoni liyakunyukalithi, “Si_Sifuna ukuba nibe semthandazweni ngexeshalenkonzo.” Uyabona? Yabona? Ayiyondlu yakuthetha, yindluyokudumisa. Niyaqonda?

Ndiyacinga ukuba kuphelele apho. Nceda cacisa^Ewe.Masibone. Ewe. Nceda cacisa indlela eku^amadikoniamelwe ngayo^kwindawo engcwele. Ewe, kupheleleapho. Injalo loo nto. Kuphelele.

Kulungile, ngoku nanku owokugqibela.Mzalwana Branham, xa sithe safumana amathubaekuqaleni kwenkonzo^ndi_ndi^izikha-^nakubabesine zikhalazo.

Ibhalwe kancinci kakhulu. Yaye sibe “nezikhalazo,”ayitsho? [UBilly Paul uyaphendula, “Aha,” aqhubele phambiliukuncedisa uMzalwana Branham ukufunda oko kubhalwekancinane_Mhl.]

^babe nezikhalazo ekuqaliseni kwenkonzo.Sibe^Masibone. Si_Si_Sibe namaculo, ubungqina,

Page 37: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 37

nemithandazo, nezicelo zemithandazo, namaculoakhethekileyo nem-a-^mhlawumbi singawafumana^singene emyalezweni ngentsimbi yeshumi elinanye,ukuze^okanye emva koko, kodwa singabi nalo ixeshaelininzi kakhulu leLizwi. Abanye ebantwini bayadinwabafune ukuyishiya i_i^ ngaphambi_ngaphambikokuba ligqitywe. I^Nceda cacisa ukuba mangaphi naamaculo, nokuba unokuqala xesha nini na umyalezo.Yaye abanye_ngamanye amaxesha siba nomthandazo_nezicelo zomthandazo iveki iphelele kwinkonzoyobungqina, into ethile e_enga^engakhangelekiilungile kanye ngeloo xesha.

158 Ngoku, ndiyathemba ukuba niyifumene. UBilly uzamaukundincedisa apha. Ekhasethini, kuyakunyanzelekani^umntu othile phakathi kwethu mhlawumbi^enkonzweni, phakathi enkonzweni, ophulaphule lento,nguBilly ezama ukundincedisa ukufunda lo mbuzo ngokubaubhalwe kancinci, kancinci kakhulu, yaye andikwazangakuwuqonda. Ndinayo ke imbono ethe gabalala, yokubauyintoni na, “Mangaphi na amaculo esimelwe kukuwaculaphambi kokuqalisa inkonzo, nokuba imelwe kukuqala xeshanini na inkonzo?”159 Ngoku, into yokuqala endifuna ukuvuma isono ngayo.Kukuba andenzanga kakuhle, ndiyayivuma loo nto“Ndiphosisile.” Yabona? Ndaye ndi_Ndaye ndi_ndifunaukwenza isivumo apha “Ndiluhlobo oluthile lwenkokeli kuloonto.” Ngokuba ibindim obamba ezi nkonzo zinde nezintoezinjalo, yiloo nto ebangele ukuba ibandla libe kwesi siqhelosenkqubo, yabona, yokuqhuba ngoloo hlobo, kodwaayimelanga kuba njalo. Ke ngoku, nikhumbule,ndithe^Mna^ Bendinixelele nonke, “Ngokuhlwa ngeCawe,ukuba iNkosi ithandile, ngokuhlwa kwangeCawe, ukuba,ndizama ukusikela inkonzo zam ixesha ukusukela ngoku,nokuba kuyakufuneka ndihlale iveki engaphezulu, ndizisamalunga namashumi amathathu okanye amashumi amaneemizuzu eyona inde kwiinkonzo zam.”160 Ngokuba ndiye ndafumanisa oku, ukuba inkonzo ethi^Iyema, uze umyalezo ukhutshwe ngamandla; ukuba uhambekakhulu, uyabadinisa abantu baze bangawufumani. Isizathusesokuba bendikhupha^Bendiyazi loo nto lonke ixesha.Yabona? Ezona zithethi zinempumelelo zezo zithingokuchanekileyo^UYesu wayeyindoda enamazwi ambalwa,khangela iintshumayelo zaKhe. Khangela intshumayelokaPawulos ngoMhla wePentekoste, ngeliphandle yamthabathaimizuzu elishumi elinesihlanu, yaye wakhupha i^apho intoe_e_eyathumela amawaka amathathu emiphefumloeBukumkanini bukaThixo. Yabona, yafika kanye endaweningokuthe ngqo. Yabona?

Page 38: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

161 Mna ke ndi_ndinetyala. Ngokuba, isizathu sokuba ndibendiyenzile lento, ayisesokuba bendingawazi umahluko,kodwa ndizama ukwenza amakhasethi yabona, yaye lamakhasethi ayakukhaliswa ezindlwini iiyure ngeeyurengeeyure. Kodwa njengoko niyakufumanisa kwiCawe ezayo,isizathu sokuba ndibe ndiyenzile lento, kule Cawe izayo,isizathu sokuba ndibe ndenze ezi zinto^Ndisenokuyithethaloo nto ngoku ekhasethini. Isizathu sokuba ndibe ndiyenzilelento kungokuba kukho lo mthwalo mkhulu uphezu kwammalunga noMyalezo weli lixa, ukuba ndiWukhuphe. NgokuuMyalezo uphumile, ngoku ndithabatha amashumiamathathu emizuzu okanye into elolo hlobo, emva konyakawokuqala, enkonzweni yam phaya ngaphandle i^Kuyoyonke indawo endiya kuyo, ndizame nokubeka iwotshi yamkumashumi amathathu emizuzu okanye kungabi ngaphezukwamashumi amane eyona inde; ndingene kuloo Myalezongokukhawuleza, ndibize abaguqukayo ukuba ndi^okanyenokuba yintoni na endiya kuyenza, kungenjalo ndibizeumgca wokuthandazela; ndingathathi ixesha elide kakhulu,ngokuba ubenza badinwe abantu. Ndiyayazi loo nto.162 Kodwa khangela apha. Ndiyaqonda, kwisithuba sonyaka,sibe neshumi elinesibini labantu abaphakamayo bahambebaphume, yaye ngamanye amaxesha ndibagcina apha zibembini okanye zibe ntathu iiyure. Yabona? Kunjalo. Ngokubabekusenziwa la makhasethi aya kwihlabathi jikelele yabona;yaye abantu abaphaya ngaphandle, baya kuhlala phantsiiiyure ezininzi baphulaphule loo Nto; nabefundisi, njalo njalo,eJamani, eSwitzerland, e-Afrika, e-Asia, nakuyo yonkeindawo, yabona, bephulaphule loo Nto.163 Kodwa, yabona, kwindawo engcwele yokukhonza,yenkonzo^Yaye injalo loo nto. Ukuba ulapha usenzaikhasethi, kuze kunyanzeleke ukuba wenze ikhasethi leyureenye, ufake umyalezo weeyure ezimbini kuwo; kodwa ukubaawuzukwenza khasethi usenzela into enjalo, wunqumleleumyalezo, yabona, wunqumle ube mfutshane umyalezo wethu.Ndiza kukuxelela ukuba kutheni na, abanye bahlutha lula,abanye bathabatha ixesha elide ukuhlutha, yabona, kunjalo,yaye umelwe kukuba ube kwindawo ephakathingokufanelekileyo phakathi kwezo zinto.164 Ke ngoku, ngamaxesha amaninzi siyazonakalisa iinkonzozethu ngokutsala inkonzo yobungqina, ntoleyo ndaziyo ukubandinetyala lokuyenza. Uyaphuma ke njengoko sasidla ngokubanenkonzo yasesitratweni, ukhuphe umzalwana othile omdalaeme phaya, aze eme ke^Umcele ukuba enze izwilomthandazo, asuke athandazele usodolophu wesixeko,athandazele irhuluneli yesizwe, noMongameli womanyano,na_naye wonke umntu ololo hlobo, abefundisi jikelele, uyazi,mntu ngamnye ngamnye, noDade Jones osesibhedlele, nezinto

Page 39: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 39

ezinjalo; abantu ke bemile, bedlula ngakuloo nkonzoyasesitratweni, aqhube ke_aqhube ehamba. Yabona? Ubenzebadinwa baphela. Ke, nje u^165 Uyabona, eyona nto ibalulekileyo ngoku, umthandazowakho umele ukuba semfihlekweni, owona uphambili,umthandazo wakho omde. Uthandazele bonke^Ngenakwindawo efihlakeleyo, uluvale ucango. Nako apho umeleukuthandaza khona imini yonke, ubusuku bonke, okanyeiiyure zibe mbini, thandaza apho. Kodwa apha khona, xaunabantu abathile abahoyileyo, wenze umthandazo wakho ubemfutshane, ukhawuleze, uthi ngqo. Yenzeni yonke inkonzo^Ke uninzi lwexesha lenu libekeni kwelaa Lizwi. Nantso eyonanto ibalulekileyo! Thulula elaa Lizwi kakhulu kangangokounokuba nako, uyabona, zisa iLizwi ebantwini.166 Ngoku, nali icebiso lam. Ngoku, ngoku nikhumbule,ndivumile ukuba ndinetyala lokukhokela lento iqhubeke.Kodwa ndinixelele ukuba bekutheni na ukuze ndiyikhokelenje, ndenza amakhasethi eeyure ezimbini ukuze athunyelwephesheya kolwandle nakuyo yonke indawo, woMyalezo,uyabona. Kodwa ibandla alimelwanga kulinganisa (umyalezoapha emnqubeni) kulinganiswe loo makhasethi (iiyureezimbini) azakuya ezindaweni, yabona, aphume ngoloo hlobo.167 Ngoku, nalu ucwangco lwenu^Mandininike njeumzekelo. Kungalunga, icebiso? Ndingathi inkonzo kufunekaiingcango zayo zivulwe ngexesha elithile, lingene ke ibandla,akhaliswe amaculo. Wonke umntu ke makangeneekuthandazeni, hayi ukutyelela. Nasemva koko ningabavumelibabe kutyelelo, baxelele ukuba “Masahlukane, siphume,singazi kundwendwela. Ukuba benifuna ukundwendwela,naliya iphandle lilonke. Kodwa le indawo yiholo engcwele,mayihlale icocekile.” Ngoku, ukuba uMoya weNkosiuyasebenza apha, masiyigcine ikuMoya weNkosi. Yabona?Yaye_Yaye Iyakuqhuba. UKuba anenzi njalo, zeniwaphawuleamazwi am, iyakuwa; ngokuqinisekileyo iyakuba njalo. Yayemasiyigcine, ngumsebenzi wethu lowo, yiloo nto endizele yonangokuhlwanje. Siyigcine lento isemgceni kule_kule miyalelo.168 Ngoku khangela, ndingakhe ndithethe oku.Ngokwesiqhelo, ngaphandle kokuba sikhuphaokhethekileyo^Sithi nizakushicilela umyalezo othile.Yabona? Ngoku, ukuba uMzalwana Neville unomyalezo aphaazakuwu^unomyalezo afuna ukuwukhuphela abantu,uphume usekhasethini, okanye into enjalo, athi, “Ngoku,kwiCawe ezayo ngokuhlwa sizakuba nekhasethi leeyureezimbini,” ikhasethi leeyure ezintathu okanye nantoni_okanyenantoni na eyenye. “Sizakukhupha ikhasethi leeyureezimbini,” okanye nokuba iyakube iyintoni na, “kwiCaweezayo ngokuhlwa.” Ngoko ke abantu mabazi. Ukuze ke xabesiza, athi, “Ngoku, siza kushicilela umyalezo ngokuhlwanje.

Page 40: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Yaye ndinomyalezo apha o^Ndifuna ukuba ushicilelweuthunyelwe ngaphandle. Ndibe^Ndiva ukuba ndikhokelelwaukuthumela lo myalezo ngaphandle. Yaye uzakushicilelwa,usenokuba ziiyure ezimbini, iiyure ezintathu, okanye nokubayintoni na oyiyo.” Yithethe loo nto.169 Kodwa, esiqhelweni, kanye njengoko ndenzayo xa ndiyeendaweni enjengeenkonzo zala Madoda angooSomashishini,okanye xa ndiphaya ngaphandle ezinkonzweni zam zemigcayokuthandazela. Ukuba ndithe ndema apho ndakhuphaumyalezo weeyure ezintathu ngobusuku phambi kokuba sibenenkonzo yempiliso, ungabona ukuba indibeka phi na loo nto?Yabona? Kuba, abantu, kubusuku obulandelayo ibandla lakholiba sisiqingatha sento ebeliyiyo. Yabona? Abakwazi njeukuyenza loo nto, bamelwe kukuya emsebenzini nayo yonkeinto.170 Ndicebisa oku, ukuba ngesicelo^Ngoku, ndimkhangeleuMzalwana Neville phezolo xa ebeshumayela. Ngoku, ndiyaziukuba sisonke^Ingumyalezo owothusayo lowa. Ndiyendathabatha amanqaku kuye, ndawafaka apha engxoweniyam, ndinokuwasebenzisa kweminye imiyalezo eyeyam. Injaloloo nto. Indlela Yokuphepha, yabona, yaye ibingumyalezoomangalisayo. Niyibonile indlela agqibe ngayongokukhawuleza? Yabona, malunga namashumi amathathuemizuzu, yabona, wabe e_ewugqibe wonke. Yabona? Ngoku,ilunge kakhulu loo nto. Ngoku, uMzalwana Neville ke,esiqhelweni imiyalezo yakhe injalo. Yabona? Kodwa aphoniyibulala khona inkonzo yenu kuxa kurholwa zonke ezoozinto ngaphambi kokuba nifike kuwo. Yabona?171 Ngoku, kwaye_kwaye xa nisenza loo nto^Ngoku,ndiyazi, yaye ngoku khangela, andiyithethi lentongokungahloniphi ama-trustee, okanye amadikoni,okanye_okanye umlungiseleli, koko ndinixelela nje: ukubayiyiphi na iNyaniso, yaye nantsi into emakube yiyo. Ngoku,yena^Yenza ntoni loo nto, ngoku, wonke umntu, ninonkeninesimo esilungileyo, mntu ngamnye kuni ningabantuabanesimo esilungileyo. Ukuba bekungenjalo, bendiyakuthi,“Ninonke ngaphandle koMzalwana uSibani-bani, akanasimosilungileyo, siyamthandazela sonke.” Kodwa nina_ninaninezimo ezilungileyo, yaye niyanyamezela, nimnene,ningabantu bodidi oluzolileyo. Ilunge kakhulu loo nto, kodwaningakhe nibe nobusisi ngaloo nto.172 UYesu wayenesimo esilungileyo naye, kodwa kwakufikaixesha lokuba kuthethwe izinto, “Kubhaliwe, ‘Indlu kaBawowaM yenzelwe ukuba yindlu yomthandazo,’ nina ke niyenzeumqolomba wamasela.” Yabona? Wa_Wayesazi ukubamakathethe nini na naxa makangathethi. Yi_Yi_Yiloo ntoesimelwe kukuyenza. Yabona? Akuzange kubekho_Akuzangekubekho mntu unjengoYesu, Yena wayenguThixo. Yaye

Page 41: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 41

khumbula, Wade wathi^Uthetha ngokuba lidikoniebandleni, Wa_Wayithabatha loo ndawo! Waluka iintamboezithile wazidibanisa, waze Akalinda ukude abakhuphekakuhle, Wababetha wabakhupha yabona, endlwini kaThixo.Yaye Wayedlala indima yobudikoni, esenzela nina umzekelowamadikoni. Yabona, Wayengumzekelo. “Ke ngoku,ku_kubhaliwe, ‘Indlu kaBawo waM yenzelwe ukuba yindluyokuthandaza.’” Ngoku, khumbula, uYesu wayelidikoni kuloondawo, yazini ukuba uYesu wayethabatha indawo yedikoni.173 Xa Wezayo wathabatha indawo yomfundisi, wathini keYena? “BaFarasindini abazimfama, bakhokelindinibeemfama!” Yabona, wayethatha indima yomfundisi ke ngoko.174 Naxa Wabaxelelayo oko kwakuza kuqhubeka,Wayethabatha indima yomprofeti. Yabona?175 Ukanti naxa babefuna ukuba kuhlawulwe umrhumo othile,Wathabatha indima ye-trustee osayinela izimali, “Petros, yihlauphose umnatha wakho emlanjeni, intlanzi yokuqala othewayibamba inengqekembe yemali emlonyeni wayo. Bahlawule,yabona, hlawulela nje oko unetyala ngako.” Watsho,kananjalo, “Nikelani kuKesare izinto zikaKesare, nakuThixoezikaThixo.”176 Wayekuko konke umfundisi, umprofeti, osayinela izimali,nedikoni. Ngokuqinisekileyo wayenjalo! Ke ngoko uyayibonainto Awayenzayo, mayibe ngumzekelo kuwe endlwini kaThixoapha kulo Mnquba kaBranham, kuba sifuna ukuba yindluAyakuthi ahlonitshwe kuyo ngento yonke, sonke isikhundla,yonke indawo, ukuze kungabikho kuzibamba. Kubekhoukulunga, ubumnandi, nobubele, kodwa kube semgceni kanye,wonke umntu ekuxanduva lomsebenzi wakhe. Yabona? Nantsoke indlela, nantso ke indlela Ayifuna ngayo. Akazangeayekelele. Kwakufika ixesha lokuthetha, ayibize into ngaloonto yayiyiyo, Wayibiza. Kwakufika ixesha lokubonisaukulunga, ngoko Wayebonakalisa ukulunga. Wayelungekakuhle, evelana; kodwa engqwabalala, yaye yonke intoyayisendaweni yayo kuYe, Wayenenzela umzekelo ke ngaloonto. Ngoku, uMoya oyiNgcwele usandula ukundinika leyo into.Ngoko andikhange ndicinge ngayo eyokuba Yenawayelidikoni, ngaphambili, kodwa Wayelilo. Yabona?Wa_Wadlala ubudikoni.177 Ngoko ndingathi, masithi ukuba iinkonzo zenu ziqalangecala leyesixhenxe, ukuba lelo xesha, vulani inkonzo yenuicala leyure phambi koko, ngentsimbi yesixhenxe. Odlalaipiyano^Nixelele obetha i-organ^Ingaba niyamhlawula?Ingaba nonke niyamhlawula obetha i-organ? Uyabhatalwa,okanye owepiyano? Uyenza ngokuzithandela. Mceleni kakuhle.Ukuba ufuna ukubhatalwa ngaloo nto, ukuba anikwe intoethile ngayo, mxeleleni ukuba simfuna kwisiqingatha seyure

Page 42: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

42 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngaphambi kwenkonzo. Ukuze ukuba uthi, “Ke,andinakukwazi ukuyenza loo nto,” okanye into ethile,isikhalazo, ngoko nimfumane nje eze apha ukuze enzeikhasethi lomculo omnandi ngenene we-organ. Uyabona?Niyeke^nilifake kwi^Akanyanzelekanga ukuba abelaphalonke ixesha, fakani ikhasethi. Yabona? Makathi omnyewamadikoni, ama-trustee, okanye nokuba ngubani na ovulayo,umgcini-nkonzo, alifake phaya, ekhasethini, alivulele likhalengeli thuba bangenayo abantu. Yabona? Kakade ukubaamadikoni akakho apha, okanye umntu othile, oli-trusteeokanye umntu othile apha unokuyenza loo nto, uze ke ubayekebakhalise isithuba sesiqingatha seyure.178 Kodwa ngokuchanekileyo ngecala leyesixhenxe, mayikhaleintsimbi phezu kwesakhiwo. Yabona? Nisenayo intsimbi yenuphaya? Ewe. Kulungile, intsimbi yenu mayikhale ngecalaleyesixhenxe, loo nto ithethe ukuthi asizi kuhamba sinyukesisihla enkonzweni sibambane izandla nabakwaJones nayoyonke loo nto. Okhokela umculo makabe semsebenzini! Ukubaakukho mntu ukhokela ngomculo, amadikoni makabone ukubaukho^okanye i^abone ukuba kukho umntu othileozakuqalisa ukukhokela ngomculo yakuqalisa ukubetha laantsimbi. “Tyhilani emaculweni enu, kwinani elingusibani-bani.” Yabona? Makube nge_ngecala leyesixhenxe kanye.179 Kulungile, ngoko yibani neculo lebandla, ukuzemhlawumbi ibe lelesibini iculo lebandla, nize nibe nomntuesele kuthethwe naye ukuba ninganakho oya kukhokelangomthandazo. Makathi u_umlungiseleli, nokuba ngubanina^Ke, umlungiseleli akamelwanga kubakho,ngo_ngokhokela ngomculo omelwe kukwenza loo nto.NguMzalwana Capps, ndiyacinga. Yabona, angayazi intoamakayenze, ma_mayibe nguye othethe nomntuothile^Kungenjalo akhokele umthandazo ngokwakhe.Malime ngeenyawo ibandla lisemthandazweni, yabona, limenje ngeenyawo, kuze kubekho umntu othile okhokelangomthandazo. Ngoku, ukuba aniqapheli^180 Ngoku, siyakholwa ekubeni wonke umntu umelwe kukuzaendlwini kaThixo athandaze, yi_yindawo yokuthandaza leyo.Kodwa xa ukulaa ndawo ingcwele, libambe ixesha lakho.Yabona? Uyakubabiza bonke bangqonge isibingelelo, uzeufumanise ukuba kuyakubakho umntu othile oyakuhlala aphoishumi elinesihlanu, amashumi amabini anesihlanu, uzeuphelelwe lixesha.181 Mawuthi^yabona, ixesha lakho lokuthandaza lisekhaya.UYesu wathi, “Xa sukuba nithandaza, musani ukwenzanjengokuba besenza abahana-hanisi, ne_nenzeumlembelele^usenokuba ngumthandazo omde, uze uthetheoku, okuya, okanye okunye, uze_uze wenze yonke into enjalongokuqhayisa.” Yabona? Wathi, “Xa sukuba

Page 43: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 43

uthandaza^uthandaza, ngena egumbini lakho, igumbilabucala, uvale ucango emva kwakho; uthandaze kuBawoobona emfihlekweni, uyakukubuyisela ekuhleni.” Ngoku,nantso indlela yokuba nomthandazo osekhusini, nantso intoAwathi mayenziwe.182 Kodwa xa wena, omnye umntu, xa engena, onjengokhokelangomculo, athi, “Kulungile^” Emva kweculo lokuqala,makubekho umntu othandazayo, nokuba ngubani, umthandazonje omfutshane. Musa ukuphakama uthandazele zonkeiirhuluneli, nezinto ezinjalo. Ukuba kukho izicelozomthandazo, mazaziswe mazithunyelwe zingene, yibani nazozingenisiwe. Sibhale, uthi, “Nasi.” “Esangokuhlwanje,emthandazweni, siza kukhumbula uDade uSibani-bani,uMzalwana uSibani-bani osesibhedlele, uSibani-bani,noSibani-bani noSibani-bani. Ubakhumbule emthandazwenixa uthandaza. Mzalwana Jones, awunakusikhokelangomthandazo. Masiphakame.” Yabona? Mayibekwe phayaeqongeni. Ubaxelele, mabayiqhele loo nto. “Ukuba ninesicelosomthandazo, sibekeni apha phezulu, apha phezulu.”Ningathethi, “Ngubani onesicelo ngoku, awunakusasizangoku^” Ke ngoku, into yokuqala, kuyaphakama umntuathi, “Uzuko kuThixo!” Uyazi ke, iqale iphume ecalenikanjalo, uyazi into yokuqala, seyisisiqangatha seyure phambikokuba ahlale phantsi ngamanye amaxesha. Yabona?183 Sinoxanduva ngeli bandla, hayi amanye; nalu olwethuuxanduva kuThixo. Ezi zikhundla zezoxanduva esinalokuThixo. Yabona? Isizathu sokuba ndime apha ngokuhlwanje,ndinixelele yonke lento, kukuba luxanduva lwam olo kuThixo;luxanduva lwenu ukuyiqhuba ke. Yabona?184 Ngoku, xa kukho into elolo hlobo^makubekho umntuokhokela ngomthandazo, xa ke ethandaza, ilungile loo nto,makakhokele ngomthandazo aze ahlale phantsi.185 Ukuba nine_ukuba ninesicelo esikhethekileyo^Ngoku,andinakuyithetha lento, andinakuqhuba ixesha elide^Yayeukuba kukho umntu othile ofuna ukucula umculookhethekileyo, yivakalise loo nto ebandleni. Baxelele ukuba“Abakhoyo abanezicelo zomculo, okanye nantoni na abafunaukuba iculwe, mababonane nokhokela umculo phambi kokubainkonzo iqale.” Bayilungise^Bathi, “Ke, uxolo Mzalwana,ndingathanda^ngokuqinisekileyo ungayenza, kodwandi_ndinomculo ngokuhlwanje. Mhlawumbi ukuba umxeleleukuba uyakuba lapha ngexesha elithile ngokuhlwa,ndiyakukufaka kwinkqubo. Yabona, inkqubo yam seyibhalweapha.”186 Makathi_Makathi uMzalwana Capps okanye nokubangubani na okhokela amaculo^Yibani ninaye umntuokhokela ngomculo nokuba ungubani na. Musani ke

Page 44: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

44 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ukubavumela baphakame nje bathi^okanye baqhubelephambili ithuba elide, bangabashumayeli, yabona.Mabaphakame nje phaya bakhokele amaculo, nangoumsebenzi wabo.187 Ngumsebenzi womlungiseleli ukushumayela, yabona, hayiabo bakhokela ngomculo. Akamelwanga kukukhokela maculo,ngumsebenzi wokhokela umculo ukukhokela emaculweni.Ngumsebenzi wakhe lowo, yaye umelwe kukuphumaehlaziyekile ephantsi kwentambiso kaMoya oyiNgcwele,ephuma phaya e-ofisini, kwindawo ethile, lakufika ixesha.Akamelwanga nokuba seqongeni xa oku kuqhubeka.Makahlale phaya emva e-ofisini, yabona, okanye phaya emva,okanye nokuba kuphi na, le mibhobho yonxibelelwano ilaphaiyakumngenisa, yabona, lakubetha ixesha. Akuyiva leyoyokugqibela^ukuba kukho umculo okhethekileyo, onjenge-solo umntu ocula yedwa, iduet abacula bebabini, okanye intoenjalo, njengeculo lenu lesithathu. Yabona?188 Kuba nibe namaculo amabini aculwa libandla,umthandazo, umnikelo wenu ukuba niza kuwuthabatha.Ukuze ke wonke umntu abe kumsebenzi wakhe. Athi,“Kulungile, ngeli thuba sicula eli culo lokugqibela ngoku,ukuba abaququzeleli bangeza, beze ngaphambili bathabatheumnikelo wolu rhatya.” Yabona? Bathi bakugiba ukucula elooculo, naba abaququzeleli bemi apha. Bathi, “Kulungile, ngokusiza kuthandaza,” baze bathandaze ke “siza kukhumbulauSibani-bani apha, noSibani-bani,” ifundwe ke loo nto, uyazi,ngolo hlobo, ngolo hlobo. “Kulungile, wonke umntumakaphakame. Mzalwana, ungasikhokela ngomthandazo.”Kube kuphelele apho.189 Ke ngeli thuba baculayo iculo lesibini, okanye nokubayintoni na eniyiculayo, nina^thabathani umnikelo ukubaniza kuwuthabatha umnikelo. Wuyekeni^Ningathatha elenulokuqala, ukuze nifumane umnikelo wenu wangorhatya, nizeniqhubele phambili ngeculo lesibini, nize ke nigqibe. Malithike iculo lenu lokugqibela apha^Iculo lenu lokugqibela,yabona, mayibe lelokubiza umlungiseleli. Yaye nje ukuba elooculo lokugqibela liculwe, mayiqalise i-organ nge_ngesandulelasenu, aphume umlungiseleli wenu. Yabona, yonke intongolungelelwano, wonke umntu ezolile. Akukho nto yimbiimelwe kukuthethwa. Lonke idikoni likwisigxina salosomsebenzi. Umlungiseleli emi phaya.190 Akuphuma, abulise ibandla, atyhile encwadini yakhe athi,“Ngokuhlwanje, sizakufunda iBhayibhile.” Yabona, emvakokuba eyilungisile, “Sifunda eBhayibhileni.” Yaye yintoelungileyo ngamanye amaxesha ukuthi, “NgokuhloniphaiLizwi likaThixo, masiphakame sime ngeenyawo ngeli thubasifunda iLizwi.” Yabona, aze afunde, “Ngokuhlwanje, ndizakufunda iNcwadi yeeNdumiso,” okanye nokuba yeyiphi na.

Page 45: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 45

Okanye acele omnye umntu ayifunde, lo ukhokela umculo,okanye umncedisi, umntu akunye naye apho, ibe nguyeoyifundayo, nokuba yintoni na; kodwa kungangcono ukubauyifunda ngokwakho, ukuba unako. Uze ke uyifunde ngoloohlobo, uthabathe umongo itekisi yakho. Yabona? Ke ngokongeloo thuba sowudle malunga namashumi amathathuemizuzu, ngoko kumalunga kanye nentsimbi yesibhozo.191 Ukuze ukusuka ngentsimbi yesibhozo ukuya ngomkhonophambi kweyethoba, apho phakathi kwamashumi amathathunamashumi amane anesihlanu emizuzu, ubeke iLizwi aphokanye njengoko uMoya oyiNgcwele ekunika lona yabona,ngoloo hlobo nje, ulibeke kanye apho ngendlela Alithethangayo, uyabona, uphantsi kwentambiso.192 Ngoko thabatha ithuba lokubiza abaguqukayo, uthi,“Ingaba ukho umntu apha kweli bandla ongathandaukwamnkela uKristu njengoMsindisi, siyakucela, sikumemelaapha esibingelelweni kanye ngoku, yima ngeenyawo zakho.”Yabona?193 Yaye ukuba_Yaye ukuba akukho uphakamayo, uthi,“Ingaba ukho apha osele elungele ukubhaptizwa, oseleeguqukile, ofuna ukubhaptizwa emanzini ukuze axolelweizono? Ukuba unqwenela ukuza, sikunika ithuba ngoku,awunakuza ngeli thuba i-organ isakhalayo.” Yabona?194 Ukuba akukho mntu uzayo, ngoko uyakuthi, “Ingaba ukhoumntu apha oyakuthanda^umntu ongazange alwamnkeleuBhaptizo loMoya oyiNgcwele noyakuthanda ukwenza njalongokuhlwanje, oyakuthanda ukuba simthandazele?” Ke,mhlawumbi kubekho umntu onyukayo, makuthi ababiniokanye abathathu babeke izandla phezu kwakhe,bamthandazele. Amthumele kwelinye lala magumbi, kubekhoumntu onabo, oyakumyalela apho kuloo ndawo indlelaayakufikelela ngayo kubhaptizo loMoya oyiNgcwele. Ibandlalimnkile lonke kubo.195 Ukuba kukho umntu ozayo ukuze^ofuna ukwamnkelauKristu aze eme apho esibingelelweni ukuze athandazelwe,yenza^makathandaze. Xa ke ethandaza, yithi nje, “Thobaniiintloko zenu ngoku, siza kuthandaza.” Uthi, “Uyakholwa?”196 Ukuba yinto eincinane eyakuthi ilibambezele ibandlanangaluphi na uhlobo, mthumele ngqo kwigumbi lokuthandaza,ungene kunye nabo apho, kungenjalo uthumele umntu othileapho kunye nabo. Ibandla lona liqhubeke, yabona, ngolo hlobo,anibabambanga ndawo ke ngoko. Yabona?197 Ukuze ngeli thuba^phambili^Kwi_Kwimizuzuembalwa, uthi,^Ukuba akukho mntu uzayo, ngoko uthi,“Ingaba ukho umntu apha oyakuthanda ukuthanjiswa nge-olingokuhlwanje, ngenxa yokugula? Siyabathandazela abagulayoapha.”

Page 46: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

46 ILIZWI ELITHETHIWEYO

198 “Ke, ndingathanda ukukubona bucala, Mzalwana Neville.”“Ke, uze ubonane nam e-ofisini. Ubonane nomnye wamadikoniakho, bayakuyithabatha, yabona.” “Ndinento endingathandaukuyithetha kuwe, Mzalwana.” “Ke, elinye kumadikoni alaphaliyakubonana nawe e-ofisini, ukuze si^Ndiza kukubonangokukhawuleza emva kwenkonzo.”199 “Ngoku, siza kuphakama ngoku sikhululeke.” Yabona, ubeke ungagqibanga nexesha elimalunga neyure okanyeamashumi amane anesihlanu emizuzu kuloo nto. Yabona?Yabona, iyure enamashumi amathathu emizuzu, inkonzoyakho seyiphelile. Uzifumene ezo zincinane, izithongaezincinane; u_uyikhuphile emelwe kukwenziwa; uyenzilekwaye wonke umntu wanelisekile, agoduke onwabile. Yabona?Ukuba wenze njalo, ngoko, uyabona, ukubauvumela^Yabona, u_u_uzimisele kokukuko, yabona, kodwayabona^200 Uyazi, ngoku kumalunga namashumi amathathuanesithathu eminyaka ndikweli qonga mna, amashumiamathathu anesithathu, nakwihlabathi jikelele. Ufunda intoencinane ngeloo xesha lingako, ngokuqinisekileyo. Yabona?Ukuba awufundi, kungcono uyeke. Ngoko ke, uyabona,ndifumanisa oko. Ngoku, ukuba usebenzisana nabaNgcwelenjengokuhlangeneyo, amadoda, ungahlala ubusuku bonkeukuba uyafuna ukwenza njalo. Kodwa uya^Yabona,awusebenzi nabo ngokuchanekileyo, uzama ukubambisa ababalapha phandle. Naba abo babambisayo, umelwekukusebenza entsimini. Yabona? Yaye musa^Bangenise aphaukuze uvumele iLizwi lingene, ukuze ke ngoko, yabona,akukho nto inokukhalazelwa. Ukuba kukho into abafunaukukubona nawe ngayo, ke, kulungile, bathathe uye nabo e-ofisini ngoloo hlobo, kodwa musa ukulibambezela ibandla.201 Ngoko, uyazi, abantu bayakunyuka bathi, “Ke,ndiyakuxelela, masibe nenkonzo elungileyo yobungqina.”Yabona? Ngoku, andithethi ngokwabantu abangabagxekibalento, ndizimisele nje ukunixelela iNyaniso. Yabona?Ndizimisele ukunixelela iNyaniso nje. Yabona? Ndifumaniseukuba iinkonzo zobungqina ezininzi^zi_zenza umonakaloomkhulu ngamanye amaxesha kunokwenza okulungileyo.Yabona, ngenene zenza loo nto.202 Ngoku, ukuba kukho umntu onobungqina obushushungenene ngexesha lemvuselelo, uyazi, niyakuqhuba imvuselelo,uyazi, inkonzo, kubekho umntu osindiswayo afune njeukuthetha ilizwi, ke, makabongwe uThixo, makawothuleumthwalo emphefumlweni wakhe. Ubone ukuba a^Ukubauyafuna ukwenza njalo_ukuba uyafuna ukwenza loo nto,yabona, kanye ngexesha lemvuselelo, athi, “Ndifuna njeukuthi, ‘Ukubulela iNkosi ngento Endenzele yona.’Undisindise kule veki iphelileyo, yaye intliziyo yam iyavutha

Page 47: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

ULUNGELELWANO EBANDLENI 47

bubuqaqawuli bukaThixo. Ndiyambulela uThixo,” ahlalephantsi. Amen! Ilungile loo nto, makaqhubele phambili.Yabona, yinto elungileyo leyo.203 Kodwa ngoko xa uthi, “Ngoku yizani. Ngubani olandelayo?Ngubani olandelayo? Ngoku masive ilizwi, masive ilizwilobungqina.” Ngoku, ukuba unenkonzo ebekelwe bucala,ngobusuku obuthile ibekelwe loo nto, yabona, ungayenza.“Ngokuhlwanje^ngolweSithathu ngokuhlwa, endaweniyenkonzo yomthandazo, izakuba yinkonzo yobungqina. Sifunaukuba wonke umntu eze, yaye izakuba yinkonzoeyeyobungqina.” Baze bathi bakufika kwi_kwindawoyokunika ubungqina, ukufunda iLizwi, kuthandazwe, ukuzeuthi, “Ngoku, sivakalise ukuba bubusuku bobungqina obu.”Ngoko abantu mabangqine esoo sithuba saloo yure okanyeamashumi amane anesihlanu emizuzu, okanye amashumiamathathu anesihlanu, okanye nokuba yintoni na, ukuzengoko_ngoko kuqhutyelwe phambili ngoloo hlobo. Yabonaukuba ndithetha ukuthini na? Yaye ndiyacinga ukuba loo ntoiyakulinceda ibandla lenu, iyakunceda yonke into,ngokuhlangeneyo, ukuba nifuna ukuyenza ngoloo hlobo.204 Ngoku, njengoko ndiphelelwa lixesha, ngoko^Mzalwana,bazalwana, ezi zezona zingcono ngokokwazi kwam.Ndiyayibona esentliziyweni yenu, oku kokona kungconokokwazi kwam imibuzo eniyibuzileyo. Ngoku, ukusuka ngokuukuya phambili niyazi. Yaye ukuba ikhe yakho engqondweniyakho, yiza kwikhasethi. Ubuze ukuba^Uphula phuleikhasethi. Ukuba ibhekiselele kumadikoni, abasayinelibezimali, okanye nokuba yintoni na, makukhaliswe ikhasethi.Malikhaliselwe ibandla apha phandle ukuba lifuna ukuyiva.Kulungile. Yaye oko_oko kokona kungcono kolwazi lwamlwentando kaThixo ngalo Mnquba ulapha kwesesiBhozoneSitalato iPenn, yaye nantso indlela endiniyalela ngayoBazalwana ukuba niqhube phantsi kokukhokela kukaMoyaoyiNgcwele, ninobubele bonke nothando, nibonakalisa incebaphambi kwabantu yokuba ningaMakristu. Yaye ukubangaMakristu akuthethi ukuba lusana olunokutyhalelwa kuyoyonke indawo lujikeleziswe, kuthetha “ubudoda obuzeleluthando, kodwa nje_nje uzaliswe luthando lukaThixonjengokuba enjalo yena kwibandla.” Yabona ukuba ndithethaukuthini na?205 Ingaba ukho umbuzo? Ikhasethi seliza kuphela apha, yayendinomntu ondilindeleyo ngaphaya. Umelwe kukufika xeshanini? [UBilly Paul uyaphendula, “Khona ngoku.”_Mhl.] Khonangoku. Uza ngokwakhe? [UBilly Paul uyaphendula, “Ndizakuya kumlanda.”_Mhl.] Kulungile. Kulungile, mhlekazi.206 Ngoku, ndiyazi ukuba siyaphuma ngoku ukubaakukho_akukho lizwi lilelinye. Ngoku, ukuba akunjalo, ke,masahlukane. Ewe. Ewe, Mzalwana Collins? [UMzalwana

Page 48: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

48 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Collins uthi, “Kuyakuba ngcono ukuba eli khasethilivaliwe.”_Mhl.] Kulungile. [Yindawo engenanto leekhasethini_Mhl.]207 Ke, bazalwana, kube mnandi kum ukuba kunye nani aphangokuhlwanje, noMzalwana Neville, nakumadikoni, nabasyinelaizimali, nomphathi wesikolo seCawe, nani nonke. Siyathembaukuba iNkosi iyakuninceda ngoku ukuba niqhubele phambilingezi ndlela zocwangco nisenzela uBukumkani bukaThixo.Isizathu sokuba ndibe ndikuthethile oku kungokuba ndicingaukuba nikhulile ukusuka ebuntwaneni naya kubuntu obudala.Ngexesha wawungumntwana, wawuthetha ngokomntwana,uqonda ngokomntwana. Kodwa ngoku uyindoda, ngoko masenzengokwabantu abadala endlwini kaThixo, siziphathe kakuhle,sihloniphe izikhundla zethu, sihloniphe sonke esinye isikhundla.Sonke isipho ethe iNkosi yasinika sona, masisifakekulungelelwano, sihloniphe uThixo ngezipho nangezikhundlazethu.

Masithandaze.208 Bawo waseZulwini siyaKubulela ngokuhlwanje ngokukuhlanganisana ndawonye kwamadoda abekwe kwizikhundlaapha ukuze aqhubele phambili umsebenzi weNkosi oqhutywaapha eJeffersonville kule nkonzo. Thixo, sanga isandla saKhosingaphezu kwabo, wanga Ungabanceda ubasikelele. Langaibandla nabantu abaqondayo nabaziyo ukuba oku kwenzelweukwenza ngcono uBukumkani bukaThixo, ukuze sibengamadoda aqondayo siwazi uMoya kaThixo, sazi ukubamasenze ntoni na. Siphe oko, Bawo. Sindulule ngokungeentsikelelo zaKho, wanga uMoya oyiNgcwele angasalusaasikhokele asikhusele, ukuze sifunyanwe sithembekile njalosikwisigxina somsebenzi. EGameni likaYesu Kristu,ndiyathandaza. Amen. `

ULUNGELELWANO EBANDLENI XHO63-1226(Church Order)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngokuhlwa ngoLwesine umhla we-26 Disemba, ngowe-1963,kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2008 ngabe:

XHOSA

©2008 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.www.branham.org

Page 49: XHO63-1226 Ulungelelwano Ebandleni VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO63-1226 Church Order VGR.pdf · 2018-05-24 · Ngumbuzo wesibini okweli cwecwe lephepha ndinalo apha, elilikhadana

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org